Siza kwakhiwa ngokutsha isikolo sakuQoboqobo iUlana Senior Secondary School

Isikolo saku Qoboqobo iUlana S.S.S. siphantsi kotshintsho sokiba ibe sisikolo sezolimo. Umfanekiso: Uthunyelwe

Isikolo samabanga aphekamileyo, iUlana
Senior Secondary School, kwiphondo laseMpumakoloni kwilali yase Upper gxulu
kuQoboqobo siphantsi kotshintsho lokuba ibesisikolo sezolimo. Le mbono ivele
ebutsheni balo nyaka negqiyazana elingavumanga igamalalo lidandalaziswe elubala
elalifunda kwesi sikolo.

Esi sikolo sakhiwa phakathi konyaka ka1973
no1974, sasifudula sisaziwa ngokubalasela ngeziphumo ezihle kwibanga leshumi,
kwezemidlalo kwanokuba nabafundi abaninzi. 
Eli phulo lokuguqula esi sikolo sibe sezolimo lijoliswe ekuphuculeni iimeko
zabafundi abafundela kuzo. Kungokunje iUlana S.S.S. inabafundi abalikhulu
elinesithoba (109). UZandile Boyana, ongumfundisi-ntsapho kwesi sikolo uthi
liphulo elihle eli elixhaswa ngurhulumente kwaye liza kubancedisana nabo
besisikolo. “Sikholelwa ukuba olu tshintsho luza kunyusa inani labafundi apha
esikolweni.”

Esi sikolo siza kuqala sigxile ekufuyeni
iinkomo, iihagu kunye neenkukhu ngethuba singekafumani umhlaba owaneleyo
wokutyala. Olu tshintsho luqhwatyelwe izandla nangabahlali abangqonge esi
sikolo, ngelithi liphulo elizakudala amathuba emisebenzi kubo. Kulindeleke
ukuba kuqaliswe usetyenzwa ekuzeni kuphela kwalonyaka, kwakhiwe indawo
zokuhlala imfuyo nezabafundi.

UMnuzana Malibongwe Mtima, othethela isebe
lezemfundo, uthi esi sikolo siza kubonelelwa ngootitshala ababini abaza kugxila
kwizifundo zolimo kunye nomtu osuka kwicandelo lezolimo  ozakuqinisekisa ukuba zonke izinto zihamba
ngendlela.

Kulindeleke ukuba
isikolo sikhuphe amaxwebhu ezicelo zokubhalisela ukufunda ekupheleni kwale
nyanga Yomsintsi kulo umiyo.

 Inqaku libhalwe nguLukhangele Mayende no-Uviwe Sitali