Sizenzela

nini ezethu iifilimu?

Kukho ezi filimu zithandwa gqithi kweli lakuthi, zaseNigeria. Bathi yi “Nollywood” xa beziteketisa. Ukuba ungaya kwindawo yokwenza iinwele okanye kwivenkilana enomabonakude elokishini okanye ezilalini ungafika kudlala le miboniso yaseNigeria ukuba akubukelwanga iimpinda zooGenerations, Muvhango okanye oo-Isidingo. Kukho into enomtsalane mpela ngale miboniso yaseNigeria ngoba ibalisa amabali ngobunjalo bawo maxawambi ade abebuntsomarha.

Kutheni na thina eMzantsi Afrika sisilela emva kangaka kulo msebenzi wokuziyilela imiboniso bhanya-bhanya eyeyethu? Umntu angasuke azithengele ikhamera efikelelekayo angene esitratweni arekhode abantu erenkini okanye kumzi othile okanye kwibala lezemidlalo. Ndisithi angaya naphi na kungenxa yokuba singqongwe ngamabali kuzo zonke ezi ndawo. La malume wasoloko eqhuba amatakane, la mmelwane usoloko ethukisela, la nyana ka- melwane uba iimoto, njalo-njalo.

Kwiphepha lanamhlanje sibhala ngethuba lokungenela ukhuphiswano lweefilimu. Sisimemo kubafundi abakwizikolo zeli phondo. Kukhuthazwa ukuba baze ngaphambili bazibhalele amabali abo.

Into engakhange ihlale kakuhle nathi yeyokuba aba bafundi kufunwa bathumele la mabali abo ngesiNgesi. Sibuze ke thina ukuba oko na ayikokuvalela abantwana abaziva bhetele xa bethetha okanye bebhala iingcingane zabo ngesiXhosa na oko?

Mhlawumbi imbi into yokuba sithi sikwiphondo laseMpuma Koloni elibemi abangaphaya komyinge we- 80% abangamaXhosa sibe sinyanzelisa isiNgesi kubo ukuze bakwazi ukubalisa amabali abo kumabonakude.

Ayikazukutshintsha lo nto de nathimz’oNtsundu siphakame sincedise le mizi yeefilimu; sithi mayamkele neengcingane ezibhalwe ngesiXhosa. Ukanti singazenzela nathi ngokwethu le miboniso. Pha eNigeria abahlali nabantu abangathathi ntweni basebenzisana neeCawe, ingakumbi ezi zomoya, ukuze bakwazi ukuzenzela eza filimu zingaka sizibona ziphuma pha yonke imihla.