Sizingxwelerha zamazwi athethwa kuthi

Apha ekukhuleni maninzi amagama athi athethwe kuthi ngabantu abadala ekwakumele ukuba basikhuthaze futhi basikhusele.

Kwiintsuku ezimbalwa ezigqithileyo ndikhe ndalumana indlebe noogxa bam kumakhasi akutshanje onxibelelwano. Injongo ibikukuva amabali abo ngezikhubekiso abazifumana kubantu abadala ekukhuleni.

Uninzi lwabo kuquka nam alukayilibali impatho-gadalala yabafundisintsapho bakumabanga aphantsi. Amazwi arhabaxa nezithuko ezaziphoswa kuthi sizimveku.

Eyona nto ebuhlungu kukuba uninzi loogxa bethu, basiyeka isikolo ngenxa yale mpatho. Okwakubethwa, uvunwe ngathi ulisaka lombona, undlandlathekiswe futhi uxelelwe indlela osisiyatha ngayo, kwabanegalelo elikhulu kwindlela esiyiyo nesijonga ubom ngayo namhlanje.

Noxa iziganeko ezininzi zingakhonjwa kumagumbi okufundela, abanye bethu abanako ukuzithemba kunanamhlanje ngenxa yezinto ezazithethwa kuthi singabantwana zizizalwane kunye nabazali bethu.

Ezinye ke zazithethwa kungajoliswanga ekuhlambalazeni umntwana, kodwa zathi kuba zazithethwa ngabantu abakhulu kunathi, zafika zafuya intiyo, ukungazithembi nolaka ngaphakathi kwabaninzi.

Amazwi athethwe ekhaya anefuthe ngaphezu kwawo nawaphi na amanye athethwe ngabantu esingenabudlelwane nabo.

Zincinci ke izinto ezingahlutha ukuzithemba emntwaneni, azithwale de abemdala. Umzekelo, umntwana onebala elintsudu kunaba nakwabo, kuyathanda ukuba athiywe amagama, kuthiwe nguMtshugulu okanye Nomnyamana. Baze aba banebala elikhanyayo kunaye kuthiwe Zinkosazana okanye oNopinki. Magama lawo adityaniswa nobuhle kunye nokucwenga. Inkathazo ke iba sekubeni, lo mntwana akhule ekholelwa ukuba ukuze abemhle kumele abemhlophe.

Athi sekemdala, azityhuthule ibala eli lakhe ngazo zonke izinto zokuthambisa. Zininzi kakhulu ke ezi ziganeko mhla nje ikakhulukazi kumakhasi onxibelelwano akutshanje. Apho kuthiwa ukuze ube uyanconywa kube kanti uyi ‘Yellow Bone’- ubemthubi ngebala.

Omnye umba sisisindo somzimba womntu. Pha ekukhuleni, abantwana abatyebileyo bekuthiwa ngooSdudla, Nomafetshu, Nodumfelele, Nomhlehlo, Nosdintsi, njalo njalo.

Ubuye ufumanise ukuba la magama abizelwa ukubancitha ngokutyeba kwabo. Aze athi obhitye kakhulu kuthiwe nguNgcongconi, Nongcakumbetshe okanye iNgcadalalana.

Athi naxa engxoliswa abizwe ngawo, atsho naye azibone engafanelekanga kulomzimba wakhe. Ukanti iintombi ezifuze ooyise nazo azisindanga, nabo maninzi kakhulu amagama ababizwe ngawo, kuquka ukuba nguNongayindoda. Bathi sele bebadala, bangayikholelwa eyokuba bahle, futhi banomfaneleko.

Njengoko besendikhankanyile ke ngaphambili, ubuninzi bezizinto bethethwa nje kungajoliswanga ntweni, kodwa zinobungozi.

Namhlanje sinengxaki yabantu abadala abasabanjwe ngamagama athethwa kubo, nezinto ababebizwa ngazo besakhula. Ukuba abazinikanga ngqwalasela ezizinto, zibanefuthe zibenze nabo babe ngabanye babantu abaphatha abanye abantu gadalala.

Ukanti abanye abazazi ukuba bazingxwelerha zamazwi athethwa kubo besakhula. Umntu umva apha ekubetheni kolwimi ukuba loo yingxwelerha engaziqondiyo. Athi sele ezele abakhe abantwana, abandlandlathekise, abathuke, engabuqondi ubuzaza bamazwi akhe.

Kuwe mzali, mgadi womntwana okanye mfundisi ntsapho, yanga ungawagada amazwi owathetha emntwaneni. Khumbula ukuba indima oyidlalayo ekwakheni okanye ekuchitheni ikamva lalo mntwana, inkulu kakhulu.

Qaphela izinto ombiza ngazo xa enze impazamo; njengaye namphi na umntwana. Wabale amazwi omawuwathethe kuye.

Amazwi esiwathetha ebantwaneni angabenza ukuba babezinkokeli zangomso ezizithembileyo nezinenkathalo okanye banikezele bazibhaqe bentyotya kwiziyobisi nolwaphulo-mthetho. Amazwi afana nala: “Usisibhanxa somntwana esingazi nto”, angabutshintsha ubom bomntwana. Mqeqeshe umntwana, njengomntwana, sukumlwa atsho azive emncinci.

Kuwe mntu ofunda eli nqaku, isigaba sokuqala ekuzikhululeni kuloo makhamandela amazwi athethwayo, kukuxolela umenzi.

Ukuzikhumbuza ukuba ubundlobongela nokuthetha ngqwabalala kwabo kwakungenanto yakwenza nawe. Kwakuyimbonakalo yobugoxo, nokwanakala kwabo ngaphakathi. Okwesibini kubalulekile ukuba

uzixelele wena ukuba awuyiyo nanye yezazinto owabizwa ngazo. Yonke imihla, zibize ngale nto ofuna ukuba yiyo. Ukuba kwakuthiwe unguNgantweni, zikhumbuze ukuba wena uyinkokeli, enesidima kwaye ezithembileyo.

Zama ngandlela zonke ukuguqula indlela ozijonga ngayo wena kuqala, ukuze nabanye babone le nto onqwenela ukuba bayibone.

Yanga singakhathalelana, ziwabale amazwi namagama esibizana ngawo nathi singabantu abadala. Khawukhe uncome omnye umntu, ungabinaloyiko lokuthi “Indlela omhle ngayo ketana!” Okanye ukuba uyambona ukuba akazithembi ngamazinyo akhe uthi “Ukuba ubusazi indlela ezikufanela ngayo ezizixhobo zakho. Ziveze, ungoyiki.”

Ndicinga ukuba singaqhubana ngcono kakhulu yaye singakhulisa isizukulwana sabantu abazithembe kakhulu.

Zingce, Zithembe, Zithande.