‘Sizwe Banzi is Dead’

Uza kungcwatyelwa eBhayi ngoMgqibelo uWinston Ntshona (77) oligqala, ichule nengcungela yemidlalo yeqonga eMzantsi Afrika nakwihlabathi.

Umdlalo wakhe othi Sizwe Banzi is Dead nalowo uthi Island yeminye owalithatha igama lakhe walibeka kwinqanaba eliphezulu.

Ezinye zembasa aziphumeleleyo ngenxa yalo mdlalo ziquka iBest Actor Tony. Imidlalo yakhe equka Island, Death of Bessie Smith ekunye noJohn Kani noJaneth Suzman wapapashwa kumajelo osasazo eBBC eLondon neCBS eMelika.

Lo kaNtshona uzalelwe wakhulela waza wabhubhela eBhayi, nalapho aza kungcwatyelwa khona. Ngeminyaka yo1960 uNtshona usebenze kwinkampani evelisa imoto iFord Motor Company.

Le ngqanga yomdlali weqonga uNtshona, ufunde eNewell eBhayi nalapho aphumelele khona ibanga leshumi, kukwalapho abonakalise umdla wakhe wokubhala imidlalo yeqonga ekunye noJohn Kani noArthol Fugard.

Evakalisa imvakalelo yakhe ngokubhubha kukaNtshona, uFugard uthi ulahlekelwe ngumntakwabo.

“Ukubhubha kukaWinston yilahleko emandla, ndilahlekelwe ngumntakwethu, umthi omkhulu uwile, okona kulungileyo kukuba kukho abantu abatsha abakhulayo abangenelelayo ukuthatha kuthi,” uthethe watsho uFugard.

Imvumi yodumo uDumza Maswana ungenelele kwabo bathe bavakalisa imvakalelo zabo.

“Kwiminyaka embalwa egqithileyo ndibe nenyhweba yokuba ndibabukele ekunye noJohn Kani ePE Opera House, besenza lo mdlalo weqonga uthi ‘Sizwe Banzi is Dead,” utshilo uMaswana.

Ikomiti ejongene nemicimbi yenkcubeko ePalamente eKapa yenze amazwi ovelwano kwilizwe loMzantsi Afrika nakusapho lakwaNtshona.

Eli gqala lelinye lamadoda ajijisene neemeko zobandlululo esebenzisa imidlalo yeqonga njengesixhobo sokuvakalisa intlungu yomntu omnyama.

Umhlobo wakhe omkhulu kwimidlalo yeqonga uJohn Kani, uxakeke lushicilelo kwelase-Italy, kodwa uthembise ngokuba uza kuba eseBhayi ngoMgqibelo ukuza kuthi ndlelantle kuNtshona.