Sogqithwa naziinyamakazi

Thina bantu bakuthandayo nabakonwabelayo ukuzingela, ingakumbi kumahlathi nakumatyholo ekufumaneka kuwo iinyamakazi, umbono omhle wokuhlalisana kakuhle kweenyamakazi uhlala uzinzile ezingqondweni zethu.

Nakubathandi bendalo abahlala besehla benyuka kumaxethuka eentaba, emaweni, ezintilini, kumatyholo nakumahlathi akufuphi kwiindawo zokuhlala, abo bantu abaphelelanga nje ekulolongeni imizimba yabo ukuze ihlale yomelele kwaye isempilweni, koko baba nethamsanqa lokuphangalalisa iingqondo zabo ngokubuka ubuhle bendalo.

Ubuhle bendalo yasendle ke buquka intlanganisela yezityalo neentyatyambo ezikhula ziqhame ndaweni nye, kananjalo ubuhle bendalo bukwabonwa kuninzi lweenyamakazi nezilwanyana zasendle ezihlala ndaweni nye, ufike zithe thande kusabelwana kudliwa loo ngca iluhlaza yaka, kukwagqwathulwa nakuloo magqabi emithi ayokozela kuhle.

Xa lowo ungumzingeli, kwanalowo ungumthandi wohambo nokhenketho ezindle, ebona loo mbono wezityalo neentyatyambo ezikhula ndaweni nye, zithe rhwelele ngeendindi ngeendidi zamagqabi amabala-bala, uye angakwazi ukuzibamba eme bhunxe, abuke obo buhle bendalo.

Uya kuthi umwethu lo esabuka enjalo, aphathwe luchukumiseko lovakalelo lwentliziyo oluxolisa kamnandi, atsho afikelwe kukuphola engqondweni, neenzingo ezibhadulisa ingqondo zinge ziyabhanga.

Bona ke ngoku xa umwethu ebona iindidi ngeendidi zezilwanyana neenyamakazi zisihla zinyuka zihamba kunye emahlathini nasematyholweni, nazo zisiya kusela chibini okanye mlanjeni mnye kungekho kungqavulana nakuswantsulisana.

Kuthi xa kunjalo umbone umthandi wendalo etyebisa amehlo abuke ubuhle bendalo, kungenjalo achophe esidulini okanye kwisikhondo somthi, abukele intsebenziswano nemvisiswano yendalo.

Ngenxa yaloo mbono mhle wendalo, umbone umzingeli nomhambi endalweni esitsho ngoncumo olugoso, konwabe intliziyo, nengqondo ithi qwenge, atsho umntu aphile kudambe uxinzelelo, kuhle iswekile nehigh-high!

Obu buhle bendalo, oku kusebenzisana kakuhle kwendalo, kwanoku kuphila kakuhle ndawonye kwendalo kunganguvimba ogqibeleleyo onokusifundisa lukhulu singabantu.

Ixesha elininzi siye sizintlame ngelithi thina bantu bakwaziyo ukuthetha sihlakaniphe ukogqitha oko kudaliweyo kungakwaziyo ukuthetha, kodwa ndiye ndibe novakalelo oluthi, eyona ntshukumo ibalulekileyo neyakhayo kukwenza ngaphezu kokuthetha.

Indalo ezizityalo neentyatyambo, indalo ezizilwanyana neenyamakazi, yona ayikudalelwanga ukuthetha, kodwa izenzo zayo zihle, ziyabukeka, ziyakha, kwaye zingamphilisa umntu, zingammanya umntu kwaye zibhangise ukrutha-kruthwano kudaleke noxolo phakathi kwabantu.

Nokuba ungaya kuliphi na ilizwe kwihlabathi jikelele, kukhangeleka kunzima kakhulu ukuhlalisana phakathi kweentlanga nezizwe ezahlukileyo.

Uhlala usiva izizwe zikhombana ngeminwe kwaye zigxekana, kude kuvele nokukhuphisana okuhambelana neemvakalelo zokuba ezinye izizwe zihlelelekile kunezinye, kungenjalo ezinye zinento yonke edingekayo ebomini ngeli lixa ezinye ziphila ubomi bakwalambathayo.

Ndithi xa ndiqwalasela ubuhle bezityalo neentyatyambo zikhula ziphila ndawonye ngokwahluka kwazo, ndinqwene ukuba nakuthi bantu kunganjalo.

Isityalo ngasinye, ntyatyambo nganye ineempawu nemisebenzi yayo, kodwa xa uzidibanisa ndaweni nye, ungazuza lukhulu koko kwahlukileyo zikuvelisayo.

Izilwanyana neenyamakazi nazo zidalwe zohluka, kodwa nganye kuzo ineempawu zayo ezintle, ezimbi mhlawumbi, kwanezo zintle izibalula ngazo.

Xa uzibukele zindaweni nye, zisidla kunye emadlelweni, zisela kunye emachibini, kuloo ntsebenziswano yazo nokuhlala kwazo kunye ngokwahluka kwazo, ubona ubuhle bendalo eyahlukileyo, buhle obo ubungenakufane ububone xa ububona uhlobo olunye lwenyamakazi okanye isilwanyana.

Akukuhle mlesi ukubona iimbabala, imivundla, amaqaqa, iinyhwagi, iinkawu, neentaka ezifana neendwe, iimpangele, amaxhama namaqwarha zihleli okanye zihamba kunye.

Lo mbono udingeka kakhulu nakuthi bantu. Kuhlanga ngalunye kukho okuhle nokungakholisi ncam.

Singathi xa sinokufunda ezintakeni, kwiintyatyambo, kwizityalo, kwizilwanyana nakwiinyamakazi indlela yokuhlalisana, indlela yokusebenzisana, sithathe okuhle kodwa kwisizwe ngasinye endaweni yokukhangela okubi, singaphila kamnandi kakhulu.

Sizwe ngasinye singafunda lukhulu kwesinye, kwaye xa sinokuhlala phantsi sizikise ukucinga, singafumanisa ukuba akunakuba lula nakwesiphi isizwe ukuba siphile sodwa kula maxesha.

Zonke izizwe zibalulekile, zidalwe zazihle kwindawo yazo, kwaye okona kudingekayo kukuthatha okuhle kuhlanga ngalunye, kuhlanganiswe, kwakhiwe ihlabathi elinezizwe ngezizwe ezihlalisana ngoxolo, ngothando nangemvisiswano.

Imfundiso ayikho kude, nantsi siyibona umhla nezolo kwizityalo, kwiintyatyambo, kwizilwanyana nakwiinyamakazi.

Masifunde ukuhlalisana xa sisonke zizwe ngezizwe zakowethu, siwakhumbule amazwi obulumko esikhuliswe ngawo ayesithi, “ngokonwaba phakathi kwethu, singazisombulula iingxaki ezininzi, kwaye xa sikholosa ngokuthula nangenzolo siyeke ukuxambulisana, iingxaki ezininzi zinganqandeka.”