Sone ntoni singabafazi le nto sibulawa kangaka

Abahlali bakwa ward 32 eTsholomnqa beqhankqalaze ngaphandle kwenkundla eMonti apho bekuzovela khona umfo okutyolwa ngelokuba ubulale Isidala sakhe uLindelwa Peni-Umfanekiso BHEKI RADEBE
“Senzeni na ingaba isono kukuba ngumfazi” eli ligwijo lamakhosakazi ebezalise ngaphandle kwiNkundla ephakamileyo yamaTyala eMonti izolo ngethuba beyolwela ukuba uWelcome Yose, 60, anganikwa bheyile yinkundla. UYose, ngumqhubi weeTaksi eMonti, ujongene netyala lokubulala ngokungenalusini uLindelwa Peni, 38, waseWelitinta, eTsholomnqa. Ingxelo ithi aba babethandana kodwa sele beneminyaka emihlanu bohlukanayo. Iqhuba ithi uPeni walandwa ngekhwantam kwakhe esapheka emva kwentsimbi yesixhenxe ngoLwesithathu elandwa ngumrhanelwa zange aphinde abuye. Ngokulandelela kwabahlali emkhondweni babikela amapolisa ukuba ugqityelwe ezolandwa yikhwantam kwaye zange aphinde abuye. Ngethamsanqa wabe esaziwa umqhubi wayo. UPeni ubhaqwe kwihlathi laseChicken Farm ngamapolisa emva kokuba umrhanelwa emchazile ukuba uphi. Ubhaqwe enenxebakazi emva kwendlebe yasekunene kwaye nemilenze sele yonakele ityiwe zigrogro njengoko bekusele ilithuba ebulewe. 
Lo ungasekhoyo ungumama kwiintwazana zakhe ezimbini eneminyaka elishumi elinesithandathu kwakunye noneshumi. Ushiya umamakhe kwakunye noosisi bakhe. UTotyelwa Marhona, ongumzala wexhoba, uthi ifana nephupha kubo belusapho le yenzekileyo into. Uthi ongasekhoyo ibingengomntu ukuthandayo ukulwa nento embi, ebesoloko ehlekile kwaye ingumntu ongenasixhiba. “Le into ngoku seyinentsuku yenzekile kodwa isasothusa futhi ayikakholeleki. Esikufunayo kukwazi oyena nobangela wokuba ambulale umntanasekhaya kodwa okubalulekileyo kukuba abolele ejele angaphumi kuba asinakuze sikwazi ukujongana naye ibuhlungu into ayenze kuthi,” utshilo uMarhona. Owayekhula nexhoba eTsholomnqa akathandanga kuchazwa igama lakhe njengoko eqhweshe emsebenzini uthe uqinisekile ukuba lizilwele ixhoba phambi kokuba libulawe ngumrhanelwa. Uthi uPeni ibingumntu onamandla kwaye onesibindi nangona nje ebengumntu ongathandi nto embi kodwa ebekrelekrele.

Kule nginginya yamakhosikazi eANC bekukho nawombutho weEFF kwakunye namadoda ayokuxhasa amakhosikazi. 
UMncedisi Pono waseTsholomnqa uthi bapha ukubonisa ukuba hayi onke amadoda anentliziyo zobulwanyana asekhona ayaziyo ukuba umntu obhinqileyo uphathwa njani. Uthi abayazi ukuba amadoda ngenene angenwe yintoni. “Kuninzi ekufanele siyakulwa eziphuhlisa uluntu okufana nentswela ngqesho egqubayo kwakunye notshaba lweKhorona hayi amadoda aziphatha okobulwanyana. “Ingaba yintoni le yasingenayo singamadoda. Sifuna ukuthi kurhulumente abafanelanga bheyile abantu abaphatha abafazi gadalala. Sifuna ukuthi thina madoda oqobo indoda mayikhusele umntu obhinqileyo noba ngowaphi,” utshilo uPono. UYose akanikwanga bheyile uzakuvela kwakhona ngoLwesibini kwiveki ezayo uzicelele igqwetha lakhe labucala.