‘Sothi sisiya kwikomfa yeANC sibe sifile’ – Less Situta

Kwisingcwabo salowo wayesakubangunobhala wolutsha lweANC kunye noceba eMzimkhulu, uSindiso Magaqa, uLess Situta – ongumhlobo kamfi – uthethe wavakalisa ukuba kothi kusiyiwa kwikomfa yeANC kweyoMnga, eRhawutini, babe sebenabele uqaqaqa kulo masipala weHarry Gwala njengoko ulwaphulo mthetho luqatsela. Ukwathe kukho izithyolo zokunika abo bazibizwa njengeenkabi imisebenzi yophuhliso kwakunye nokuqeshana kwezihlobo kulo masipala.

USituta akafihlanga makhuba xa bethetha ngomhlobo wakhe uMagaqa ongcwatywe ngoMgqibelo kwilali yase-Ibisi eMzimkhulu esithi phantsi ngobusela. Unabe esithi kulo masipala kukwavula-zibhuqe, “Akukhathaliseki nokuba ufunde kangakanani okanye unolwazi kangakanani soze uwufumane umsebenzi apha! Uyakwelusa iinkomo wena kwezilali zalo masipala. Imisebenzi yophuhliso inikwa iinkampani zabathile nabazibiza ngeenkabi.”

“Andizelanga kuzoxoka apha.Ukwebiwa yinto eqhubekayo netsibe uphungela eMzimkhulu; abantu bengenazazela lokukhwabanisa. Abantu bayibulelani iANC?”

“Into abayenzayo kukungafuni kulawulwa, baziphethe. Batshitsha imigaqo kamaspala yokwenza izinto, benze ngokuthanda nokufuna kwabo. Ukuba asuzuthi koke oku akwenziwa zipolitiki ndingatsho ndithi wena lungu kumbutho wesigqeba solawulo (EXCO) kumasipala bubusela obugqithisileyo obu!” kutsho uSituta.

“Le nto yokukhwabanisa umbutho kaKhongolose mawuyithathele ingqalelo namanyathelo! Noko konele ngoku!” Uqukumbele ngelithi umntu onemibuzo angadibana nobawo uBhungane; unayo yonke inkcaza ngako konke athe wabe ukuthethile ngosuku lokugqibela lomhlobo wakhe uMagaqa. USituta uvale ngelithi lo kaMagaqa ebengafuni nokububona ubundlobongela nobuqhophololo nje jikelele.

Kanti otsala iintambo kumbutho we-ANC KwaZulu Natal, Sihle Zikalala, uthe okuthethwe nguSituta uzokuthathela inyathelo. Uhambise wathi ngoMvulo lo wale veki bazondwendwela lo masipala besebenzisa amandla abo njengephondo nalapho umfi ebezixelele ngokwenza iinguqu.