‘Soze ndimxolele umyeni wam’

“Ndigqibele erhuthula imela phantsi komqamelo emva koko wandihlaba esithi akoyiki jele yena. Undihlabe inxeba lalinye, ndashiywa ziingqondo.”

La ngamazwi kaFuniwe Nqontsolo (31) waseHankey kufuphi naseBhayi othi uhlatywe amanxeba alishumi elinanye ngumnyeni wakhe ngempelaveki.

UNqontsolo uthi esi sehlo senzeke phambi kwabantwana besi sibini abathathu kuquka nosana oluseneenyanga ezilishumi elinanye kuphela. Ebalisela I’solezwe ngesi sehlo uNqontsolo uthe: “Ilizwi lokugqibela endilivileyo kuye lelokuba sendigqibile. Ndibuze ukuba ugqibe ngantoni, wathi ugqibe ukuba uzakuhlala ejele. Undihlabe ngemela ndayokuqabuka ndisesibhedlele emva kokuncedwa ngoomakhelwane bam ngokokuva.”

UNqontsolo uthi elona nxeba linobungozi lelisentla kwebele. “Kuyabonakala ukuba ebeleqa intliziyo efuna ukundigqiba ngoko nangoko,” utshilo uNqontsolo.

Le nkosikazi ithi bekungasekho kuhle phakathi kumtshato wabo, nto leyo ithe yanyanzelisa ukuba ikhe imane izihlalela ePitoli.

“Andikayazi nangoku into ebefuna ukundibulalela yona kuba khange kusukelwe ntweni ngaphandle kokuba ungumntu onesikhwele umyeni wam. Zange wabhaqa nto kum ebinokude imenze ukuba akrokrele nto,” woleke ngelo uNqontsolo.

Esi sibini sitshate ngonyaka ka2013. UNqontsolo uthi ukusukela oko bathi batshata umyeni wakhe ebethe gqolo ukukhweleta ephatha kuzitshintsha amagama kwakunye namazwi efowunini “xa endifowunela, ndibona ukuba ufuna ukundiqonda ukuba ndiphendula njani kumanye amadoda”.

UNqontsolo uthi umyeni wakhe uqale nangokumane efaka amantombazana kuWhatsApp wakhe esithi makabone ukuba mahle amantombazana eBhayi “ulibele yiPitoli nje”.

Ukanti umyeni lo, onguMangalisi Banisi (36), uvelile kwinkundla yamatyala yasePatensie ngoLwesibini waze wakhutshwa ngebheyile yamakhulu amathathu eerandi (R300) kwaye kulindeleke ukuba avele kwakhona ngomhla weshumi kwinyanga yoMqungu kunyaka ozayo.

Le nkosikazi ithi ayisokuze imxolele umyeni nokuba angabuya azokucela uxolo kuye, nangona nje umyeni kuvakala ukuba umane ezincokolisa ebuza umntwana kwixhoba ngokokutsho kwexhoba eli. UNqontsolo uthi usaboyikisela ubomi bakhe kwaye uziva engakhuselekanga.

Umyeni wale nkosikazi, uBanisi, usigadlele phantsi ngomnxeba akuva ukuba utsalelwa umnxeba liphephandaba I’solezwe.

Esi sehlo senzeka kanye kwiphulo leentsuku ezilishumi elinesithandathu zokuthi phantsi ngokuphathwa gadalala kwanokuxhatshazwa kwamanina nabantwana.

Ukanti isebe lophuhliso loluntu ephondweni lisikhalimele kabukhali esi senzo.

“Oku kuyothusa kwaye kubonisa indelelo ingakumbi sikwiphulo leentsuku ezilishumi elinesithandathu zokulwa lo mkhwa wokuxhatshazwa kwanokuphatheka gadalala kwabasetyhini kwakunye nabantwana kwindawo zethu. Sisikhalimela kabukhali esi sehlo, futhi sicela amadoda akhusele amanina nabantwana,” kutsho osisithethi seli sebe uMzukisi Solani.