Soze sinyamezele ubuhlanga!

Ndibubhidakala mna ndedwa, yazi lo nyaka akakagqibi nenyanga kodwa izishiqi ezingaka esele sijamelene nazo, usuke ungayazi nokuba kubethwa abaphi na.

Andiyazi nokuba usakhumbula kanye kanye ngala maxesha kwiminyaka emibini egqithileyo sixakene nomfazi womlungu ebiza abantu abamnyama ababeye elwandle eThekwini njengeenkawu kwicwecwe lika-Facebook wakhe, zaze iinkundla zamatyala zamwisela isigwebo somdliwo we-R150 000.

Ndiyabona wena ukuba le genge imweke ayikholwa kukufunda kwiimpazamo zomnye komnye, ikholwa kukuzitshonela ngokwayo ngqilikithi emhluzini ukuze iwuve ukuba uyatshisa kusini na.

Phambi kweli bholo sijongene nalo ngoku, mna bendingayazi nokuba kukho ivenkile yempahla ekuthiwa nguH&M, ndiyafuna ukuthi ayindim ndedwa ngokuba noko ayinasebe levenkile apha eMpuma Koloni.

Ingenasebe injalo kweli loobawo bethu, isuke yangundaba mlonyeni ngenxa yentengiso yayo eshiye isizwe sonke esimnyama kumhlaba wonke silugcwabevu ngumsindo.

Le ntengiso yale venkile icaphukise imidaka emnyama, iveza umntwana ontsundu enxibe impahla yangasentla ebhalwe, ‘eyona nkawu ipholileyo ehlathini’ ngesiNgesi.

Ndiyabona ukuba kuthi apha eMzantsi Afrika ivuselele la manxeba kaPenny Sparrow namahlakani akhe abekho phambi kwakhe.

Wonke umzi omnyama ungenelele kwikhwelo lokuba iH&M le mayikwaywe zingathengwa iimpahla zabo de kucace ukuba yintoni eyona njongo yabo.

Xa sele sisiva ke nge-Ahmed Kathrada Foundation ukuba ngonyaka ka-2015 ngokuya le venkile yayivula amasebe apha eMzantsi Afrika, kwakhe kwakho isimbonono sokuba kutheni bengasebenzisi oonobuhle abamnyama ukubonisa ngempahla yabo nje.

Kuthiwa impendulo yabo yabonakalisa ukuba le venkile ayinankathalo ngendlela ephatha ngayo isidima somntu omnyama.

Kuthiwa basuka bathi basebenzisa oonobuhle abamhlophe ukubonisa ngempahla yabo ngokuba bafuna ukubonwa njengevenkile echubekileyo nenomfanekiso omhle ezizweni.

Pewu! caba thina bantsundu asingomfanekiso mhle ekuthengiseni iimpahla zabo.

Besisafutha ngumsindo sathi sisajongile kwavutha umlilo xa iqela lezopolitiko i-EFF lithe lathathela umthetho ezandleni zalo. Sibone ezindabeni nakumaqonga ezonxibelelwano lo mqokozo ubomvu ungena, uzenzela kwiivenkile zikaH&M kwela phondo laseGauteng.

Noxa ndingabukhuthazi ubundlobongela nobundlongo-ndlongo, kodwa mandiwancome la maqabane e-EFF ngokungabi nanye into ebikweza venkile, lo nto iveza lubala ukuba bebengayelanga busela nabuqhophololo kodwa bebesiya beyokuvakalisa, babonakalise ukuba isizwe esintsundu eMzantsi Afrika asisoze sithule sithi cwaka sibe sidelelwa ngokungenalusini.

Kuthe emva kwala manyathelo athathwe yi-EFF, ekukhuseleni isidima somntu ontsundu, le venkile sayibona ivala iingcango zamasebe ayo aKwaZulu-Natal. Sele i-EFF isenza ngolu hlobo ebephi umthetho waseMzantsi Afrika ekohlwayeni le venkile ingenankathalo ngesidima somntu ontsundu?

Ingaba umthetho wethu awukulungelanga ukohlwaya abantu neenkampani ezingenankathalo ngobuhlanga, neziziphethe tenxileyo naxa zibuzwa?

Ndinayo indawo ethi kumanye amazwe alapha e-Afrika le venkile uH&M ngeyinikwe isigwebo somdliwo esiqatha okanye nokuba nguphum’aphele.

Ingathi iingcali neengcaphephe zomthetho zeli lizwe kufuneka ziwuqaphele umthetho ophathelene nezenzo ezigwenxa zobuhlanga.

Noko masingadeleleki sesiyilwele kangaka inkululeko yethu kula madla-gusha amweke.