#Spitch..Molo bhuti wam, ndicela uncedo nantsi ingxaki yam. Ndinebrother yam eyavela yagula ngengqondo yagqibela ke seyihamba inaliti yabagula ngengqondo qho ngenyanga iyahlaba ekliniki, into eyenzekayo ngoku akasafuni ukuyohlaba futhi utshaya nentsangu nto leyo imenza abeligeza elixakiley. Lisela uba iimpahla apha endlini, izitya, iingubo ezibekiweyo uzithengisa kule lali. Uyabetha kumzali wakhe umleqa ngebhoso, uyingozi emphakathini, xa evela abantu bayabaleka. Ngoku bendicela ukwazi ukuba ndingenza njani na ukuba ayokuhlala kwisibhedlele sabagula ngengqondo kungekabhubhi mntu nguye. Enkosi Spitch ndovuyiswa luncedo lwakhoJwarha.
IMPENDULO: Molo mbhali, ndicinga ukuba uziphendule noko. Ngokwenene ubhuti lo sele eyingozi kuye nakubantu aphila nabo. Icebo ke kukuba adityaniswe nabezempilo bona baza kuthi bagunyazise ukuhlaliswa kwakhe kwisibhedlele sabantu abagula ngengqondo. Okanye ungasondela koonontlalontle, bona ke bakuthi bakukhokele ngcono kuba bebona imeko yakhe neyasekuhlaleni.
#Spitch: Ndicela uncedo, iboyfriend yam ndiyithume kwenye yeedepartments ukuba iyokulanda ipayments zeeperfume endizithengisayo kumantombazana. Kucace ukuba ufike wathatha iinombolo ndabona seneecontacts zomnye wayo enguye nomngani kufacebook. Ndimbhaqe ngee-like kwiifoto zakhe. Ndabethelwa ndathi maka-blocke la ntombazana kunento endingayiqondiyo. Wayibhloka, ndahamba ndaya ekhaya, xa ndimjonga umbuyisele kwakhona, ndamlwisa kwakhona, wamsusa, wamxelela nakuwhatsapp ukuba mabayeke ezo chats ze wambhloka. Xa ndimane ndijonga his blocked contacts she is blocked and naye kwela cala I cant see her picture kodwa on my whatsapp uyavela so I want to believe him uba iphelile le nto yabo but other part of me andikwazi kwamkela. Everytime I am not with my boyfriend it always feels like they’re still chat because xa ndijonga basuke be online bobabini. Please help me.
IMPENDULO: Ingxaki apha sisi kukungamthembi ubhuti emva kwezenzo zakhe. Ukuthembakala ke yinto ebalulekile kubudlelwane babantu ababini. Ukungabikho kwayo, kungaphembelela ekubeni uhlale unxunguphele, uphakuzela, usoyika ukuba kungakhona into ezokwenzeka. Andiqondi ukuba ufuna ukuphila olu hlobo, ndingaqondi nokuba ufuna ukuhlala ukrokra nawe. Thetha ke neqabane lakho, ulixelele ngendlela oziva ngayo. Ukuba usazimisele ekuthembakaleni, uzokwenza iinzame zokulungisa le meko.
#Spitch: NdisePSJ, ndina23 yeminyaka. Ndinengxaki nomama ondizalayo, utata wethu wasweleka ngo2012, njengamntu obezibona eyedwa, nam ndiyibona lo nto minyaka le, uye wafumana omnye utata ancumisana naye kwalaph’ebumelwaneni kwaye lo nto ndayiqaphela ngo2017 qha ke ndazihambelisa kude nayo. Ingxaki iqale emva kokuba ndifumene umnxeba osuka kumkhuluwa wam esithi umama umane engenisa le ndoda pha ekhaya kwaye kwaye wathi xa abaninawa abangamawele baka1998 xa bevez’ ukungakhululeki kwabo ngalo tata besithi uzokuthini le nto xa ifika kubakhuluwa babo, wathi umama mabakhululeke ke ngam (mbhali) ndiyayaz i-affair yakhe nalo tata futhi zange ndathetha kwanto kwaye kudala ndangena egumbini lokulala lakhe (mama) ehleli nalo tata, ngoko ukuba akhonto ingcono bazoyithetha mabathule. Mna ke Spitch nyhani ndiqhel’ ungena kula ndlu ngoba siphekela kuyo futhi maxa wambi ndifike ekhona lo tata okanye angene ndikhona yena kodwa kube kusemini sincokole nje incoko engayi ndawo emva koko ndizihambele. Kodwa phezolo ungene endlini umama ndiphaka ngoo6pm wahlala nje i5 minutes endlini waphuma phandle, after 3 minutes wabuyel’endlini. Emva kwe3 minutes engenile yangena le ndoda yandibulisa, ayenza njalo kumama, lo nto yandenza ndaphuma nento ethi baze bobabini aba bantu. Ndiye ndaphuma ke Spitch njenges’qhelo ndabuya pha ngo9 pm ndiyokuthatha ifowuni bendiyitshajise khona, ndankqonkqoza, wandivulel’umama umbane ukhanya endlini, ndangena, xa ndiphos’ amehlo ebhedini ndiyayibona le ndoda ilele izogqumile kwaye iimpahla zayo ziphez’kwesihlalo esisecaleni kwebhedi. Ndithathe ifowuni ndaphuma ke ndayolala. Andazi Spitch, andikwazi nomjonga ngoku kwaye yena wenza ingathi akhonto yenzekileyo ungula mntu. Ndikhathazekile Spitch kwaye ndizophindela esikolweni nge14 ngoko bendifuna ukuhamba sendidlane iindlebe naye kodwa andazi ndizokuqala kanjani ngoba ngokwam ingase ibe nguye owahlala nam phantsi andazise le nto ndingaboni seyisenzeka ngob ek’gqibeleni ndingumfana kwaye iyabubulala ubudlelwane phakathi kwam nabaninawa bam kunye nomkhuluwa wam ngoba ingathi mna ndayamkela le nto.
IMPENDULO: Molo mbhali, mandibulele ngokundithemba ngale ngxaki yakho. Umcimbi womzali oqhubeka nobom emva kokushiywa ngulowo anabantwana nabo, uxake amakhaya amaninzi. Zimbini iimpazamo endiziqaphelayo apha, eyokuqala kukuba umzali lo noko bekufanele ukuba unihlalise phantsi njengabantwana bakhe, ngokuva kwam ingathi nonke sele nikwiminyaka noko ethe qabu. Ningakwazi ukuthetha naye nibonisane ngendlela emakuqhutywe ngayo ekhaya. Impazamo yesibini, yeyokuba nithi nina njengabantwana nakubona ukuba kunotata ancuma naye umama, niyithethe nodwa noxa inihlupha lo nto. Noko umzali xa nimhlalisa phantsi, niqonde kuye kwaye nivakalise iimbono zenu, ndicinga ukuba unako ukukhalinyelwa athathe amanyathelo wokukhusela nina, ubudlelwane benu, nesidima sekhaya. Isisombululo ke sipha ekuhlaliseni umama phantsi, ningaxabani naye koko nithethe nibonisane naye. Ekugqibeleni naye kuzofuneka eqhubekile nobom. Kodwa usenalo noxanduva lokunikhusela. Thethani naye.
#Spitch ndinengxaki nendoda endincuma nayo, ziiveki zintathu ngoku singathethi engazibambi iingcingo zam, endithi blue ticking kuWhatsapp, yonke le nto iqale xa ndandithetha nomhlobo wam fowunini ndihamba nomfana lo, my friend said “uhamba nomphi uBabe” ngeliqhulayo, waviwa ke nguboyfriend yaqala apho ke ingxabano. Ndathi ndiyicacisa ukuba we use to ask each other this kinda question from Varsity it doesn’t mean I have other boyfriend akafuni noyiva loo ngcaciso yam, ngoku uqumbile andiyazi ba ndingathini ukuze andixolele kwaye sikwi-distance relationship, uthi he doesn’t trust me anymore and akayazi ba uzokwazi na undixolela useza kuyicinga lo nto. Ndicela undicebise ukuba ithwani into enje okanye how do i win his trust back?
IMPENDULO: Pewu! Angenile amanzi endlini mbhali. Ngelishwa ke kuzofuneka usebenze ekulungiseni le ngxaki ngokun’okwakho. Zibonakalise kangangoko ukuba unako ukuthembeka noxa nje kuzokuthatha ithuba konke oko.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo