SS Mendi, eyoMdumba 1917

Le yinyanga ebuhlungu kakhulu kwisizwe soMzantsi Afrika ingakumbi kwisizwe esimnyama nanjengoko iyileyo esathi esi sizwe sabhujelwa ngamadoda angaphezu kwamakhulu amathandathu ngexesha elinye, ezika nenqanawa iSS Mendi.

Ngentseni ngomhla wamashumi amabini ananye kule nyanga yoMdumba ngo1917, la madoda azika kulwandle leEnglish Channel esiya kuncedisa iBritane kwimfazwe yokuqala yehlabathi.

Kwabo bathanda isizwe nabathanda imbali ebachaphazelayo asinako ukuyiyeka le nyanga igqithe singathethanga ngala magokra amnyama. Imbali esuka kwiincwadi eziliqela eziquka incwadi ebhalwe nguNkosi Victor Poto Ndamase, ithi uninzi lwala madoda ayengafuni ukuthatha inxaxheba, kodwa ekho lawo ayenomdla wento awayengayazi.

Ashiye amakhaya ngenyanga yoMsintsi ngo1916, waqala unyaka ka1917 ejijisana nendlela elwandle engazi ukuba awazukufika kwakulo mfazwe. ENdevana ngaseMonti ziyafumaneka iintsapho ezinabantu bazo ababekho kule nqanawa iSS Mendi ukuzika kwayo nezinye ke iintsapho kwiindawo ezahlukeneyo zelizwe.

Kwincwadi yakhe ethi “The Black Valour” uNorman Clothier uthi umbuzo onokubuzwa malunga nale ntlekele ngowokuba, yayaphi ingxelo yeKomishini eyayimiselwe ukuba iphande ngale ngozi? Zazisithini iziphumo zengxelo yaloo Komishini, lalisenziwa ngubani uphando?

Asikuko ukuba sinqwenela ukuba kuthethwe mihla yonke ngale ntlekele, kodwa ukukhunjulwa kwala madoda kungaxolisa. Ecacisa banzi kwincwadi yakhe ethi “Imbali nentlalo yamaMpondo” uNkosi Victor Poto Ndamase uthi isizwe samaMpondo sanikisa ngamadoda angamakhulu amathathu kwibutho elalisiya kuncedisa iBritane.

IBritane le yayincediswa kuba ilizwe loMzantsi Afrika laliphantsi kweBritane ngelo xesha, wawunokubeva abantu belo xesha becela uThixo ukuba akhusele iKumkani okanye iKumkanikazi yamaNgesi.

Inye indoda esinokuyiqhwabela izandla mayela nokushiywa kwesi sizwe ngala madoda nguJola wakwezo Mpindo zeTsitsa, uPallo Jordan.

Ngexesha lakhe njengoMphathiswa weSebe leMidlalo neNkcubeko kuzwelonke wanyanzelisa ukuba la madoda mawaye kulandwa ngokomoya nanjengoko ilisiko elikhoyo elo kumaXhosa.

Imbongi yaseNtabozuko uMzima, Bhomoyi, uNdabenyamakazi, ubawo SEK Mqhayi, wavakalelwa kukutshona kwala madoda elwandle wathi.

Osinga bamangcwaba ala madoda kuthwa akwilizwe laseFransi, umbuzo ngowokuba afuna ntoni eFransi engenakwenziwa kweli loMzantsi Afrika.