Tata Buyelekhaya

Molweni nanamhlanje, njengesiqhelo andifikanga ndigalelkile. Ulwesihlanu kaloku siyayazi ukuba lolwasuku lwethu lokuthetha ezanto zethu.

Namhlanje ndiye ndachukunyiswa ngomnye wemiba eshushu edla umzi wakuthi. Akungoku isenzeka le nto, kudala yenzeka kodwa kudala abantu babefumana indlela zokuzithethelela, ingcinezelo iyiyo ehamba phambili.

Bendimamele icwecwe lenye yemvumi zalapha eMpuma Koloni, nekucaca ukuba ibhokile ifuna indawo yayo apha emculweni eMzantsi Afrika, uNathi Mankayi, nowaziwa ngengoma yakhe edumileyo kakhulu ethi “Nomvula”. Icwecwe lakhe elitsha elithi Buyel’ekhaya linengoma ethi Buyel’ekhaya. Ndiyidlale le ngoma ndazibona ndibambe ngenkophe iinyembezi ngoba yonke la nto athetha ngayo kula ngoma ndiyayazi. Ingoma ibalisa intlungu eyehlela amakhaya amaninzi apha eMzantsi Afrika. Intlungu yabantwana abakhula ngaphandle kootata.

Xa iqala le ngoma ihambisa yenjenje:

“Thumel’imali, thumel’imali tata. Thumel’imali, thumel’imal’ekhaya. Bekunobanjani na ngaphandle komama. Kalok’utata uye wasishiya nomama. Uthe uzobuya usayokukhangel’imali. Kunanamhlanje akakabuyel’ekhaya. Akazang’abuye namali, akazang’abuyel’ekhaya. Akazang’abuye namali, tata buyel’ekhaya.

Siyambulel’umama ngokusikhulisa kwakhe kungekho mali. Umam’ebexolel’ungatyi. Singaka nje thina ngumama yedwa, kodwa namhlanje ndithi siyabulela mama ngoba utat’akazang’abuye namali, akazang’abuyel’ekhaya. Akazang’abuye namali, tata buyel’ekhaya”

Ukuyimamela kwam le ngoma ndiyibone ishwankathela imo ekuyiyo kumakhaya amaninzi. Ngamakhulu ukuba ayingomawaka abantwana abanokuthi xa besiva le ngoma bayibone ithetha ngqo kunye nabo.

Asikwazi ukuyibaleka into yokuba ukudlala indima kwabantu abangotata ebantwaneni babo kuphantse kwayinto enxaxhileyo eMzantsi Afrika. Ezindaweni ezininzi esihlala kuzo ukufumana amakhaya anabazali abakhulisa abantwana ngaphandle kotata babo sele iyinto eqhelekileyo.

Enyanisweni, uphando ebelusandula ukuqulunqwe liQumrhu elijongene nonxulumano ngokweentlanga loMzantsi Afrika (SA Institute of Race Relations) luveze ukuba malunga ne-36% kuphela zabantwana baseMzantsi Afrika ezihlala nootata bazo.

Nangona imeko yootata abangekheyo ezimpilweni zabantwana babo seyibuqheleka, kodwa akufuneki ibe yinto eyamkelekileyo. Isithuba esishiywa ngutata empilweni yomntwana, ingakumbi ngokwasemphefumlweni, simbangela ukuba angakwazi ukwenza izinto ngokuphelelyo ebudaleni bakhe, kwaye kumaxesha amanzinzi bayathanda ukuba ngamaxhoba alula kwingxaki zasekuhlaleni nezokukhula ezifana nokusebenzisa utywala neziyobisi, ukungawuhloniphi umzimba wakhe (ukuba namaqabane amaninzi abelana nawo ngesondo), ukukhulelwa esemncinci, ubundlobongela nokungathandi isikolo.

Ababhali kunye noochwepheshe bayatsho ukuba ootata abangekhoyo ebomini babantwana babo okanye ootata abakhoyo kodwa abaya ngamandla ebhekileni, kumaxesha amanzinzi, bangonobangela babantwana abanyusa izinga lokungalawuleki kwezifo, ubundlobongela kwakunye neminye imingeni esinayo ekuhlaleni namhlanje.

Abantwana abakhula ngaphandle kootata bayacinezeleka kuba kaloku abanayo lamfundiso nolwathando lukatata, ingakumbi kwizinto ezinxulumanisa imfundo, umsebenzi kwakunye nokuthandana.

Abafana abakhule kumakhaya angenatata bayathanda ukuveza iimpawu zokuzigwagwisa ngokwesini. Izenzo nentetha yabo iyakholisa ekucinezeleni abantu basetyhini kwaye bayathanda ukuba ndlongondlongo, lo gama amantombazana wona akhulele kula makhaya, kumaxesha amaninzi, aye angazithembi kwaye izenzo zawo ziye zixhalabise ngoba baye babe namaqabane amaninzi kwaye kuba nzima kuba ukugcina iqabane athandana nalo ixesha elide.

Ukulungiswa kwale meko kufuneka kunikwe ingqwalasela ngokukhawuleza, ngoba iziphumo zale meko azizihlanga kwaphela. Nangona kunjalo imibuzo imile ukuba iza kulungiswa njani, ngubani, uza kuqalaphi aphelephi?

Iimpendulo zale mibuzo zikwalapha kuthi bemi beli lizwe lethu. Nangona esenziwa amaphulo aqinisekisa ukuba le meko iyatshintsha kuse kude ekuyisombululeni. Ukuba uyaqwalasela, kwa aba bakhulayo abafana namakhwenkwa baphinda laa nto yayenziwa ngootata babo kubo. Ucing’ukuba ke siza kuyisombulula njani ke xa kunjalo?

Nanjengomntu ophile phantsi kwemeko enjalo ndiyacebisa ukuba sicebiseni abafana namkhwenkwe asakhulayo ngeendlela zokuziphatha, ezokwenza izinto kwakunye nokumela iziphumo zezenzo zabo. Asikwazi ukuyibaleka eyokuba singabantu asiboni ngohlobo olufanayo kwaye abantu banezizathu zabo ezohlukeneyo zokuba bangabi yinxalenye yobomi babantwana babo, kodwa ke masixhaseni abantwana abakhula ngaphandle kootata, sibakhuthaze, sibabonise ukuba ayikokuphela kobomi kwaye kunizni abanokufumana ebomini.

Ukukhula ngaphandle kukatata makungasetyenziswa ekuxhatshazweni kwabantu basetyhini okanye ekuziqiniseni kuba umntu efuna ukuvala isithuba esashiywa ngumzali wakhe. Baninzi zaihlala phakathi kwabo, bakhule ngaphandle kootata babo kodwa azange banikezele ebomini, nam ndingomnye wabo. Ngoko ke lithi elam, qina mzontsundu kuseza kulunga ngenye imini qha thina masiqinisekise ukuba sifaka ihlumelo eli lilo kwaba basakhulayo ukwenzela singaphindi sikhale okanye sibone abantwana abakhula ngaphandle kootata. Andizokuthi yingxaki kabana okanye ayongxaki kabana ngoba lo nto ayizokuza nazisombululo. Tata buyel’ ekhaya uyafunwa ngabantwana.