Tata kaAnothando bamba umnxeba!

UTHE akubelekwa uAnothando Mtshobi, usapho lwakhe eNgavungavu eLibode lamthatha lamsa kwikhaya apho intombi ibimithiswe khona nalapho baxelelwa ukuba mababuye emva kweenyanga ezintathu ngenxa yemeko yomntwana.

Akuphelelanga apho, notata kaAnothando, ekukholeleka ukuba useThekwini kuthwa akafumaneki emnxebeni xa etsalelwa ngabakwaMtshobi. Endaweni yokufumana amancedo, uAnothando kuhlekiswa ngaye ngabathile kumakhasi onxibelelwano.

Eli libali lentombazanana ebelekwe ngenyanga yeSilimela kulo nyaka, ibelekwa ngunina uOngeziwe Mtshobi (20). Lo mntwana ubelekwe eneempawu zomntu omdala ngenxa yemeko ekuthiwa yiProgeria.

Anothando Mtshobi UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Ngomthombo i-rarediseases.org, iProgeria yimeko enobuzaza nengaqhelekanga apho umntwana aye abeneempawu zomntu omdala kodwa umzimba ube umncinane. Emva kweenyanga ezimbini, ngokwalo mthombo, abantwana abaneProgeria baye banzonze ekukhuleni nto leyo iye ikhokelele kubufutshane kwanobucekeceke.

Ebalisela I’solezwe lesiXhosa, umakhulu kaAnothando uthi wayexhalabile kakhulu emva kokumbona lo mntwana ngenxa yendlela ayiyo.

“Nangoku andikabikho kwimeko elungileyo, ngenxa yoku. Nomama womntwana wayethukile ngethuba exelelwa kwisibhedlele iDr Malizo Mpehle, kodwa waxelelwa ukuba makathobe izibilini.

“Kungcono xa ndibona kungena abantu befuna ukusincedisa, akusafani nakuqala,” kutsho uMtshobi.

UMtshobi uthi umntwana babemsile kuloyise emva kokuba ebelekiwe. “Olwa sapho lwasixelela ukuba masiphinde simse emva kweenyanga ezintathu ngenxa yale meko akuyo.”

Iinzame zokuqhakamshelana nosapho lwakulotat’ omntwana azikhange ziphumelele.

UMtshobi uthi emva kokuba ebelekiwe lo mntwana, wamthiya ukuba nguPhemna kodwa unina wathi nguAnothando. Kumaxwebhu kubhalwe Anothando, utshilo uMtshobi.

UMsebenzi woPhuhliso loLuntu (Community Development Worker) kule ndawo, uNonyameko Godongwana, uthi isebe loHlaliso loLuntu liyile kwaMtshobi ngoMvulo ukuze kugcwaliswe uxwebhu loncedo ngendawo yokuhlala, nanjengoko olu sapho luhlelelekile.

“Malunga noncedo ngokutya sisajonge enkalweni,” utshilo uGodongwana izolo (Lwesithathu).

UGodongwana uthi utata womntwana uyaziwa ngowaphaya kwaselalini kodwa ungumntu oseThekwini. “Ngokwengxelo umana ebamba pha naphaya ngokomsebenzi, kodwa kuthwa akasayibambi ifowuni esuka kusapho lwalo mntwana”.

“Ilali yothukile, ingakumbi emva kokujikeleza kumakhasi onxibelelwano komfanekiso womntwana,” utshilo uGodongwana.

UPetros Majola weKhula Community Development Project uthe: “Ndinqanda aba bantu bajikelezisa iifoto zale ntwazana ebudala buzinyanga ezimbini, kodwa ikhangeleka ngokomntu omdala. Ndiyaphawula ke bakhona abafuna ukuzenza ingcali zoogqirha ngokuveza imifanekiso yolu sana. Ndiyanqanda!”

Okwangoku uAnothando usagcinwe kwisibhedlele saseMthatha, iNelson Mandela Academic, ukuze afumane uncedo oluyimfuneko.