Tata Othandekayo…

* Ingaba unyana wakho wakhe wakuva uthethelela uluvo lokuba amadoda ngawo anamandla kwaye abafazi bona ngabesini esicekethileyo? Unyana wakho umxelela ukuba nguye inkunzi esoloko ilawula ekhayeni okanye ungcono kunabasetyhini? Ingaba ubiza abafazi iinjakazi nezinye izithuko phambi konyana wakho?

* Ingaba ubundlobongela uyabukhuthaza ngokuxelela unyana wakho “umlo yinto yamakhwenkwe kakade” xa ebonisa iimpawu zobugagu kudade wabo okanye emphatha kakubi.

* Xa unyana wakho elila, ingaba uyamngxolisa ngelithi “indoda ayikhali”, umfundisa ukuba angazivezi imvakalelo zakhe ngenxa yoluvo lokuba “indoda ayikhali”, ngenxa yokuba kufuneka indoda yomelele?

* Ingaba umxelela ukuba usisifede esikhaba okanye esiphosa ibhola okwentombi, okanye umdlalo awuthandayo ngowamantombi?

* Uyamqhula na xa ufumanise ukuba udlala ngonodoli nodade wabo kwaye ukhe azibe anxibe iilokhwe zikasisi wakhe?

* Xa elambile ingaba umthumela kunina, ngelithi umsebenzi wokupheka nokondla usapho ngowabafazi?

* Xa unengxabano nomfazi wakho okanye iqabane lakho, ingaba usebenzisa ulwimi olurhabaxa nolungqwabalala phambi konyana wakho? Sele ukhe wagrogrisa okanye wabetha owakwakho ekho unyana wakho?

* Zikho izinto othi wena awunakuzithetha nabantwana bakho, imicimbi yothando, ungavuma xa unyana wakho ekuncokolela ngesinqandamathe sakhe?

* Ingaba ukhe wenza iziqhulo ezicalula ngokwesini, ubethe amakhwelo xa kugqitha abasetyhini, ukhe wenze iintetha ezingamanyala phambi konyana wakho?

* Uyakuphepha ukuncokola ngemiba enokwenza nesini, ukulinganiswa kwabantu kungajongwanga sini kwanokunikwa intlonipho kwabafazi?