Tata zibandakanye nobom bomntwana wakho oyintombazana

 

Tata, bhuti yiba nenxaxheba ekukhuliseni umntwana wakho oyintombazana. Dlala indima, iba nengxoxo naye kumaxesha ngamaxesha, sukuba ngutata ngenkxaso yemali kuphela ebomini bakhe. Lo ngumyalezo wombutho iDad of Daughters owasungulwa ngootata abathathu, uMzwandile Nonkula, Mpiyakhe Khoza kwakunye noThabo Mashego. Esi sithathu sootata kubantwana abangamantombazana, sasungula iDoD’s emva kokuqaphela ootata abangekhoyo kubom babantwana babo abangamantombazana kwanokuqaphela izimbo zabantwana abangamantombazana abathi baxhomekeke kumadoda athandana nawo, abanye bebangelwa kukukhula bengenabo ootata ebomini babo kuba befuna ukuxhomekeka.

Injongo yeDoDs kukuzokukhulisa kwanokuxhobisa abantwana abangamantombazana kwanokukhuthaza ootata babenobudlelwane obubuluqilima nabantwana babo abangamantombazana. UMzwandile Nonkula uthi bafuna isizwe apho abantwana abangamantombazana abaza kukhuseleka, abaza kuthi bakwazi ukuzimela ebomini, bakwazi ukuzenzela abangazukuxhomekeka emadodeni.

“Sifuna ozakuzikisisa ukucinga akwazi ukuthabatha inxaxheba kwiingxoxo ngokuqhubeka elizweni, hayi intombazana ehoye ubuhle bayo ngaphezu kokuhlakanipha kwayo. Sifuna amantombazana azibhatalelayo, amantombazana angaxhomekekanga madodeni, amantombazana azimeleyo. Amantombazana azokwazi nokuzibhatalela, nditsho izinto ezifana neenzipho neenwele. Amantombazana azokuthi avotele amanye amantombazana aphakamisanayo kuyeke ukusoloko kuvotelwa amadoda,” utshilo uNonkula.

Mzwandile Nonkula weDad Of Daughters nokwalitshantliziyo kwezobuzali.

UMpiyakhe Khoza weDoDs uthi sukuba ngutata ngegama emntwaneni, zazi izicwangciso zakhe, mazi ukuba ufuna ukuba yintoni, lubuze usuku lwakhe ukuba belunjani esikolweni, mazi nalapho asokola khona, sazi nesifundo asithandayo okanye asokola kuso.

“Mna ndingutata kubantwana ababini, akukho nto endingayaziyo ngabo. Silungiselela ikamva labo abantwana bethu ze balwazi uthando lootata babo bangazugaxeleka kwizinto ekukhuleni kuba besithi badinga uthando lootata besebancinci. Naxa umntwana esexesheni, mntu ongutata makakhululeke umntwana ancokole ngezo zinto kuwe, sukuba nzima emntwaneni, chitha ixesha nomntwana wakho,” utshilo uKhoza

UKhoza uthi umntwana makakhule eqhelene nabazali bakhe bobabini njengoko idla ngokuba ngumama. Uthi nokuba anitshatanga mntu ongutata iba nalo ixesha nabantwana bakho, bazi, ubafunde nabo bakwazi, bakufunde.

IDad Of Daughters iza kuhamba onke amaphondo eli ixhobisa ootata, ikwabakhuthaza ekubeni babe nobudlwelwane nabantwana babo abangamantombazana. Ithi ifuna amadoda apho aza kuthi xa edibene axoxe kungenjalo akhane ngokuthi akhuthazane.