Taxify: Iiteksi ezifikelelekayo nethuba lokuba ngunoteksi

Taxify Umfanekiso: Uthunyelwe

KoomaRhawuti, Kapa, Thekwini naseBhayi umntu ukhupha nje ifowuni yakhe achwethechwetheze loo ndawo afuna ukuya kuyo; zisuka nje ufumana ixabiso lolo hambo kunye neenkcukacha zomqhubi oza kumlanda.

Kwakule fowuni yakhe iyatsho ukuba uza kufika nini lo mqhubi. Leyo ke yiApp enguTaxify.

Kule veki uTaxify uqale ukushishini eMonti ngokusesikweni. Into eye ivuyise abakhweli kukuba noko amaxabiso aye abe ngaphantsi kuneeteksi zabucala okanye ii “Cab”.

Xa umntu esiya kwisikhululo seenqwelo-moya saseMonti, esuka edolophini, angalindela ukubhatala iR70 ukuya kwiR85.

Ukusuka edolophini uye eHemingways ibe yiR50, Vincent uye eBeacon Bay ibe yiR55, njalo njalo.

La maxabiso abaluncedo ingakumbi kubantu abahamba ngobusuku okanye abangafuni ukukhwela izithuthi zikawonke wonke.

UTaxify, yiApp esebenza kuninzi lweefowuni. Kukwakho namathuba engqesho ukuba umntu unemoto afuna ukuyifaka kule nkqubo kaTaxify.

Baye bajonge ukuba unazo na iimpephamvume zendlela nokuthutha abantu, unayo na ifowuni yeAndroid okanye kaApple ekwanayo neGPS kwaye awuzange khe wabanjwa okanye wophula umthetho na.

Abaqhubi abanomdla wokufaka iimoto zabo kuTaxify okanye abanqwenela ukuqhuba bangaya kumnatha: https://partners.taxify.eu/driver-signup – Baye bafune abantu abaneemoto ezifana neeToyota Corolla, Hyundai Accent, Kia Rio, njalo njalo kwaye ezineekhilomitha ezingaphantsi kwekhulu lamawaka (100 000km).