The President’s Keepers: aphokoka amabibi kaZuma

Uthi usacinga ukuba izinto zizolile apha eMzantsi Afrika usuke uve ngesithonga sento entsha edla umzi. Thina besisajonge umba wogqatso lobongameli bombutho olawulayo, kwasuke kwathi gqi mlungu uthile ediza amahlebo. Wayibhala yapapashwa lo mfo incwadi yakhe, yaba ngundaba-mlonyeni ngoko nangoko, mbombo zone zehlabathi.

Ndinengqiniseko yokuba noko sele unalo ufifi lokuba ndithetha ngabani, nangantoni na.

Lo mfo * -Jacques Pauw ngumakhwekhwetha omdala womphandi-ndaba ovunyiweyo. Yinqoko-nqoko eyayingumvelisi omkhulu wenkqubo-ndaba uSpecial Assignment pha kuSABC 3, ukanti ke ngexesha lengcinezelo waqala iphephandaba elalichasene nobundlobongela ubabusenziwa ngurhulumente welo xesha i-Vryer Weekblad.

Ithi lo nto noko yindoda le eqhelileyo ukuswantsulisa iziphatha-mandla nabasemagunyeni ngosiba lwayo, yikwekwe esele itshatshele ekubetheni iintonga namakhwenkwe amakhulu.

Lo ka-Pauw akaqali ukubhala incwadi ekumila kunje kodwa le iye yanomtsalane ngakumbi nangakumbi, ngokuba kutheni?

Kuluhlu lweencwadi azibhalileyo kukho ezi zilandelayo ezikumila kufana nale intsha: Ngo1991 wakhupha incwadi ethi ‘In the Heart of the Whore: The Story of Apartheid’s Death Squads,’ waze ngo1997 wakhupha ethi ‘Into the Heart of Darkness: Confessions of Apartheid’s Assassins.’

Waza ke kulo nyaka wakhupha le ingundaba-mlonyeni ngamandla ethi, ‘The President’s Keepers: Those Keeping Zuma in Power and out of Prison.’

Njengokuba besele nditshilo ndibize nje amagama ezi zinokwenza ubukhulu becala nepolitiki yalapha ekhaya. Owona mahluko ngale incwadi yakhe intsha yeyokuba ngoku udiza amahlebo alo rhulumente wongameleyo.

Bekumnandi iziilekese ngokuya ebekhupha uhili engcongolweni ngezinto ezehlayo ngexesha lengcinezelo, kodwa ngoku isuke yangathi imela igobele esandleni kuba ingathi lo mbhali ujikele kwalo rhulumente ebemxhasa ngaphambili.

Mna ke mntu obekhe wanethuba lokuyifundisisa le ncwadi oko bendibambe ongezantsi zizinto ezivezwayo kule ncwadi egameni lokukhusela umongameli ukuba angayi entolongweni kwaye angasuki esihlalweni.

Indlela yokuziphendulela kwamaqumrhu athile aseburhulumenteni kwizinto ezidizwe kule ncwadi ibe kukumgrogrisa lo kaPauw ngengalo yomthetho, besithi bazakumvala umlomo kuba edize iimfihlelo ezinokubeka emngciphekweni ukhuseleko lweli.

Bebesithi bazakulinqanda upapasho lwale ncwadi, bagunyazise ukuba iindawo ezithile kuyo zicinywe ngulo mbhali. Zithe zakufika ezindlebeni zabantu ezo zinto sathi ngqee ukuyokuyithenga ingekavalwa mlomo.

Yintoni le abasemagunyeni bangafuni ukuba siyazi kodwa ziivoti zethu ezibabeke phaya? Kutheni ngoku bezakusigragramela xa kudizwa ukuqaqadeka noburhalarhume babo? Iintshukumo zabo zezabantu abonileyo kwaye abafuna ukuzifihla izono zabo ngandlela zonke. Nithi kuseza kukhe kulunge kwesi sizwe sakowethu?

Bancedile ke kodwa basibonise ukuba ininzi into abayifihlayo, jonga ngoku nomntu obengakunanzanga ukufunda uzithe mbaa ngale ncwadi kaPauw. Isizwe sonke siqwalasele phantsi sifunda ngamabibi eenkokheli zaso.

Mhlawumbi kwakubangcono kwiinkokheli ezizayo, hayi ezi zikhoyo zixhaphe igazi lamagorha esi sizwe. Myekeni * -Jacques abhale, nathi sifunde!