The Venue @ Great Kei

Ivulwe ngokusesikweni iThe Venue @ great Kei

“Xeshikweni sicinga ngeendlela zokwenza imali ngalo mhlaba wefama yethu, savumelana sonke ukuba sakhe iholo elingayiwayo lemicimbi nelinokukhuphisana nelasemazweni.

Konke oku kwilali, apha eMpuma Koloni!” kutsho umam’ uHlombekazi Dukada eGreat Kei, kwisakhiwo sabo esitsha kraca ekuthiwa yiThe Venue.

Xa uphuma eMonti usiya ngaseGcuwa kuN2, uhamba nje iikhilomitha ezingama60, ujike ekunene kula garaji yakwaCaltex, ungene kwindlela yegrabile emfutshane, ugagane nesakhiwokazi esikwazi ukuhlalisa iwaka lonke labantu. Yiyo ke leyo, iThe Venue.

IKumkani yamaXhosa, uMpendulo ‘Zwelonke’ Sigcawu, uvakalise uvuyo lwakhe lokubona umfazi omnyama nosapho lwakhe lakwaDukada lusakha indawo yemicimbi yodidi: “Sakutsho siyeke ukuya kooma-ICC nezinye iihotele zaseMonti! Sakutsho siyeke ukuthatha iimali zethu siyokuxhasa imizi yabantu abangengobalapha!”

Ukanti usolodolophu kamasipala ombaxa iAmathole, uNomfusi Nxawe, wongeze ngelithi: “Siyazingca ke ngale The Venue @ Great Kei ngoba ligugu lalo masipala wethu kunye nephondo leMpuma Koloni.

Le ndawo iza kuphuhlisa ezoqoqosho kubantu basezilalini kwaye nezokhenketho ziza kwanda ngenxa yokuthi xhaxhe kwezinto ezinokwenziwa apha.”

Sibhala nje sebevulile kwaye baceba nokuvula indawo yokulala ukuze abo bazele imicimbi bakwazi nokuchitha ubusuku pha.

Sithe sakuyijonga sayibona njengendawo enkulu enokwahlulwahlulwa kwaye nenokukwazi ukusingatha imitshato, iinkomfa neminye imicimbi.

Iinkcukacha ezithe vetshe ngale ndawo zifumaneka ku 082 298 3815