#Thethani noonyana benu

Amakhosikazi oMzantsi Afrika adibana nemeko yokuxhatshazwa ngelona zinga lakhe laphezulu, kwaye ilizwe lethu libonwa njengelona lizwe linamadoda anomkhwa wokuxhaphaza.

Ukuncwasa, ukubetha, ukudlwengula nokubulawa kwamakhosikazi mihla le, kubangela ukuba amakhosikazi aphile ngokoyika emakhayeni awo, ezikolweni nakwiindawo zoluntu. Lo mkhwa wobunganga bamadoda mawuthathelwe ingqalelo.

Kungenxa yesi sizathu ukuba iIndependent Media nephulo layo eliphumelele imbasa elithi Musa ukungakhathali, lixhaswa liphulo elijoliswe ukulwa ukuxhatshazwa kwamanina kwihlabathi, kulo nyaka liza kujolisa kanye kumadoda, amancinci namadala ngenjongo zokulwa ubundlobongela nokukhuthaza ukuba wonke ubani abonakalise inkathalo ukulwa ubundlobongela obusekelezelwe kwisini.

Yiba yinxaxheba yeli phulo usebenzisa umxholo othi #thethani noonyana benu, ukwenza uMzantsi Afrika okhuselekileyo.