Thoba i-emele kuloo ndawo ukuyo!

Siyindlu entsundu safundiswa ukwanela. Akukhathaliseki nokuba ubani uyakholwa na okanye akakholiseki koko akuzuzayo, ukuba nje oko ukuzuziswa mntu wumbi kufuneka anele. Ukungoneli kuthethelwa phantsi nasemacaleni.

Ukuba uyaphangela, uyawufumana umvuzo wakho, izinto zokungoneliseki yimpatho nayimiqathango yengqesho naziimeko ophangela phantsi kwazo uzibetha ngoyaba.

Okona kuma phambili kukuba uyaphangela, kwanokuba leyo yeyona nto owangeniswa yiyo kuloo meko ukuyo, okungokunye okungakukholiyo ukuthethela phantsi.

Ligcuntswana kuthi elingakonqeniyo ukukhalaza, uninzi luphila ngokunyamezela. Nangona imisadulo yoqhankqalazo lwabasebenzi izizinto esizibona mihla le, uninzi lwabo bathi bathathe inxaxheba bafumana isibindi kwigcuntswana elingakonqeniyo ukukhalaza.

Uninzi luthi lwakuxelelwa ngokungafaneleki kweemeko emsebenzini lumbombe ngelithi lona lalizofuna umsebenzi kuleyo ndawo likuyo, enye nenye aluyingeni. Kungoko unganyali ukuva kusithiwa umsebenzi othile uphukulwe ngempama ngumqeshi wakhe, akamangala akalwa, kungokuba uthi wazizisa ngokwakhe kuleyo meko mhla wazokucela umsebenzi.

Nasesikolweni, uninzi lwabantwana bethu lwaneliswa nje kukuphumelela elo banga ubani akulo, eyokuba uliphumelele kakubi okanye kakuhle akungqayi ididiyelelwe yena leyo.

Nakubazali ke kunjalo, bavuyela nje ukuphumelela komntwana, eyokuba uphumelele njani ayikhathalelwe bani.

Ukuphumelela kuthi kukuphumelela, endibonayo ukuba sikholwa lelithi “isityebi nehlwempu balala ngokufanayo emangcwabeni, kungabisabakho hlwempu nasityebi.”

Sinyamezela nokuba sesiqhathwa. Umntu wakuthi ukholwa kukumbomba ebheka phaya, “uyandiqhatha ke noko”, engatsho ezinkonkqeni kulowo umqhathayo ukuze aphuncule kuleyo nkqatho.

Mna lo bendisandula kuqhathwa yindawo ehlamba iinqwelo-mafutha ngexabiso eliphezulu; abasebenzi bayitsho yaneendawo ezibonakala ukude ukuba azihlambekanga, ndafika ingathi ngumntwana obefunda ukuzithambisa ezidyobhe iindawo ezithile ngamathambiso.

Endaweni yokufuna umphathi ndikhalaze ndisuka ndatsho phezulu kwiqegu lakuthi ndalikhomba ekhaya, ndikhalaze sele ndisekhaya kuMamTolo, wandikhuza ukumatha ngokubuya nenqwelo injalo endaweni yokukhalaza ilungiswe.

Sizala asiyeki. Ixhegwazana lomntu ontsundu wofika libeleke umntwana, elo xesha oyena nina womntwana ukwesikanondutsela. Asilumli ebantwaneni, sikhulisa asiyeki kwaye sizibona singena nto singayenzayo ukuzisindisa kolu sizi.

Oonyana bahamba besandlala amarhonya apha esithubeni, iintombi zizenza ukhukho lwabatshakazi nasezinjeni, babuye basithi ntimfa ngabantwana abangena mlandu, bayokhangela abanye. Sakubuzwa siphendula ngelibuzayo “apho ngendisithini ke?”

Kube kuphela ke oko. Ixhegwazana libe ligofoti embizeni lihota unokuhota ongenasiphelo, ixhego lidlakazele libe lithivathiva inkamnkam yalo iphelela ekondleni abazukulwana.

Amadoda akowethu ayahlwelwa onakalelwe ziinqwelo-mafutha ezindleleni angabi nakubuyela ekhaya, kufuneke abafazi banyamezele. Abafazi bahamba imilaliso noorhona neenkomfa ezikude, kufuneke amadoda anyamezele. Ingoma ethi “abafani entlakweziko” izihambela nje yodwa kungabikho uyinakayo. Abanamhla ke abantu ingathi bangxamele ukuyiguqula leyo nto. Ukunyamezela kuncinci kakhulu kubomi babo, kunjalo nje abananto itheni.

Konke ubani angahambisaniyo nako ukubeka elubala engakhathali nokuba uthini nalowo uchaphazelekayo. Okubi ke kukuba bananze okukokwabo kuphela, hayi okomnye. Abakufunde mntwini ke oku, kuba thina

ngabelungu abangena nto bayinyamezelayo. Ukunqongophalelwa luzinzo kwethu okudlungileyo kule mihla kuvela apho ekungakwazini ukunyamezelana.

Ukuphilisana kwabantu kuvela ekunyamezelaneni. Enokuba sithi maxa wambi sixhaphazeke, kodwa ekunyamezeleni kwethu kuvela okuhle.

Kambe ke ezinye izinto ziphunyelelwa ngokunyamezela ngaphezu kokusoloko ukhala. Okunye ke kukuba thina bantu asizange saba nanto ixhaphazayo ngakomnye, kungako sikhuliswa ngokunyamezelana. Kazi kusasilungele na ke “ukuthoba i-emele kuloo ndawo ukuyo?”

Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.