THROWBACK: Ingqumbo Yeminyanya

Namhlanje siqaqambisa omnye wemidlalo kamabonakude yesiXhosa eyayidlala kudala kumabonakude nowawuthandwa ngabantu.

Lo mdlalo kamabonakude – Ingqumbo Yeminyanya – ngumdlalo kamabonakude weminyaka yoo1990 nosekelwe kwinoveli ka-Archibald Campbell Jordan ethi, “Ingqumbo Yeminyanya,” eyapapashwa ngo1940.

Lo mdlalo umalunga neendlela ezingqubana ngayo izinto zala maxesha nezithethe kunye namasiko. Umfana ongumfundi waseyunivesithi ubizelwa kwilizwe lookhokho bakhe ukuze alawule abantu balo.

Nasi isiqendu sokuqala salo mdlalo – rhabula apha ungafinci.