THROWBACK: Ityala Lamawele

Namhlanje siqaqambisa omnye wemidlalo kamabonakude yesiXhosa eyayidlala kudala kumabonakude nowawuthandwa ngabantu.

Ityala lamawele yayingumdlalo kamabonakude osekelwe kwincwadi kaSamuel Edward Krune Mqhayi ethi, “Ityala lamawele.”

Lo mdlalo umalunga nengxabano phakathi kwamawele, uWele noBabini, ngenxa yelifa likayise wabo ongasekhoyo. Njengoko bezalwa ngosuku olunye, kuyaxatyanwa ngokuba ngubani ofanele athabathe indawo kayise. Oku kusonjululwa ngokuxoxwa kwetyala eliqhutywa phantsi komthetho wesiNtu, elibanjelwe kwinkundla kaKumkani uHintsa, ochophele eli tyala.

Bukela isiqendu salo mdlalo: