‘Thuma Mina’ kumnyhadala womculo womngqungqo eKapa

Kapa:

AmawakAWAKA abathandi bomculo womngqungqo beli loMzantsi Afrika bonwatyiswe zimvumi eziphuma kumazwe awohlukeneyo ekuquka nezeli kumsitho womculo womngqungqo waminyaka le, kwidolophu yaseKapa.

Nowalo nyaka umsitho awubanga nomahluko kuleyo ilishumi elinesixhenxe ibingaphambili, abantu bebonwabile bejuxuzela iimvumi zabo abazithandayo.

NgoLwesihlanu, abantu bonwatyiswe nguAmanda Black ukuqala nje komsitho. Ukanti kwiqonga elihlawulelwayo iRosies, abafana abaselula abaziwa ngokuba yiMabuta bebelizalisile iqonga kwaye umphathiswa wesebe labantwana namanina uBathabile Dlamini, ebengomnye wabantu abebonwabele lo mculo weli qela.

Ezinzulwini zobusuku, iqela laphesheya i-Incognito belibamise ngeenyawo abalandeli becula kunye nalo.

Ukanti iMicasa ivale usuku kwiqonga iKippies logama iBlack Motion ethandwa kakhulu ngabantu abatsha ibivala kwiqonga Bassline.

Umsitho wangoLwesihlanu ubuzinyaswe nangulowo besakuba nguMongameli uJacob Zuma nosodolophu wesixeko seKapa uPatricia De Lille.

Ukanti ngoMgqibelo bekukhunjulwa ongasekhoyo beyimvumi yalo mculo kweli uBra Hugh Masekela kwaye uMongameli uCyril Ramaphosa ebengomnye wabantu abazimasileyo nobeme ngeenyawo de kwagqitywa ukuculwa.

URamaphosa ubonakele ezinika ngethuba kuculwa ingoma awacaphula kuyo kwintetho yakhe yokuqala njengomongameli weANC ethi ‘Thuma Mina’.

Ukanti uSimphiwe Dana ubagcine beshukuma abalandeli nobekunye neqela lamanina lodwa eqongeni. Logama iThe Soil nayo yenze ezibukwayo ngoMgqibelo. Ukanti lo msitho uvalwe ngezinga eliphezulu liqela laseMelika iR+R=Now.