Thumela eyakho ileta eya kumhleli ngoWhatsapp okanye iSMS siyipapashe: 063 743 9538

IiNkosi neeKumkani zisengelwa emgqubeni kuleDemocracy; ubukhosi kweli lizwe loMzantsi Afrika kujongwe njengencebelele yona nto ephahle ulwandle nengenaxabiso, kuba ubukhosi nobunkokeli bemveli ulawulo lwabo lufana nethontsi elwandle nditsho nalo magunyana zinawo ngunomgogwana, kaloku le nto yonakele kwaphaya ezantsi ekwakhiweni kwenqila zezizwe bekumele ilali nganye ineHeadman nengumntu ongowomgquba ophuma kwindlu eyindzaka neyomgquba kulo lali, anditsho le yenzekayo iinkosana ziphume kubantwana benkosi ingathi izibeleko zamanye amasapho zinehlalutye, kwaye bekumelwe lali nganye inengwevu nengwevukazi (elders) ezigcine ubumveli baloo lali kuze kunyulwe usihlalo welali ozakuthatha iminyaka emihlanu nonobhala wakhe, abo bephuma elalini kumiselwe inqila yelali enosihlalo, inkosana, nengwevu ezakuba likhonco, isabhokwe kwinqila nayo enenkosana ezimele ezolali nengwevu eziphuma kuzo zonke ilali kuze kubekho abasihlalo belali abamele uluntu ngokwe democracy lonto iyenza itraditional council ibhunga eli liqine, kuze phaya kwiphondo sibe nenkulumbuso enyulwa ngakwezopolitiko.

Ilizwe loMzantsi Afrika lifanelwe ukuba libe nomongameli, usekela mongameli nenkulumbuso le ke bathi yiPriminister ezakujongana nesebe leTraditional Affairs (COGTA) and Rural Development (DRDAR) ibeyiyo ejamela imicimbi yobukhosi njengakwamanye amazwe.

Wakhe weva phi imithetho kungekho sandla seenkosi phaya kumgaqo-siseko? Umzekelo kweli phondo lethu bekumele iikumkani nakowuphina umthetho ophunyezwa leli phondo iikumkani ziyawutyikitya phambi kokuba inkulumbuso iwutyikitye nqwa nakuzwelonke indlu yowiso mthetho ibimele ikumkani zityikitye zosixhenxe ezivunywa ngumthetho phambi kokuba umongameli awutyikitye kwikhomishini kaNthlapho ondiboni ngxaki kwiziphumo zayo yaphazama nje kumaRharhabe nakumaGcaleka yona yayimele izimisele zasixhenxe ikumkani zeli zibesibhozo ngekumkani kazi yemvula kuze zibe ntlanu ingotya ibezinkosi ke zonke ezinye ngokwamanqanaba azo.

Ela sebe le traditional affairs (COGTA) malihlanganiswe neRural Development (DRDAR) lijongane nelali ngqo idipu, amasimi, ikampu, irager zamahlathi ingcingo nenkomo, njalo njalo mazijongwe leli sebe liqeshe iparalegal case worker ukuze amatyala enqila achutshelwe zizo hayi inkosi zona mazibeke isigwebo ngekovavanyo elenziwe zizitsica inki.

– Inkosi ZululamaXhosa Zanemali Bani, kaFana wesizwe saMaJobe, umGqunukhwebe, eNgqushwa