*Thumela eyakho incwadi eya kuMhleli ngeSMS/ kuWhatsapp 063 743 9538

Ndiluthandile udliwanondlebe lukaMashava ‘imvumi yekwaito’ kwesinye sezikhululo zesixhosa sikanomathotholo.

Apho ubevuma iimpazamo ezithe zadodobalisa ugqamo lwakhe emculweni, lo nto esalatha kuye engadluliseli uxanduva kubaphathi bakhe nto leyo evamileyo kubantu ebekhe abahanjelwa kakuhle yimicimbi.

Ndingathi abantu abafana naye bayafuneka kakhulu ukuze bafundise nabanye ukuba bahlabe bekhangele ukulungiselela amaxesha apho izinto ziza kungahambi kakuhle, bahambele nakude kwiziyobisi.

Khangela ke ubuye kakubi ngengoma yakhe ethi ‘Vez’ ithanga!’ Phambili kwedini kanantsi!

– Casper Mila eRhini