*Thumela eyakho incwadi eya kuMhleli ngeSMS okanye kuWhatsapp 063 743 9538

Bathi masivote kodwa emva kweminyaka engama-25 ndisasokola umsebenzi, indawo yokuhlala, ndiyafundisa kodwa bakugqiba abantwana bam esikolweni ‘NO WORK’! Uye ke eVotini unalo ngqondo ukuze uyazi into omawuyenze!

Ndilapha eMonti mna, eyam incoko ingaba bantu bathi abazokuvota de lo Rhulumente abanike amanzi, abanye de abanike umbane.

Abantwana bethu sibancoma sibakhuthaza kwiingcinga zabo zokufuna ukuba ngamapolisa phele sibangcwaba.

Kutheni, konakele phi? Yiya ke hambokuvota, ezo zinto zilapha entloko uzicingisise ucele uThixo akubonise wenzeni, uvotele eliphi iqela.

Into endimangalisayo kulo Rhulumente uzigwagwisa ngokulwela kwakhe inkululeko ngathi yiANC eyayilwela yodwa, kwakukho iiPAC nooSteve Biko ababephambili apha ngaphakathi – bade babulawa abanye babo.

– Umhlali, eMonti