*Thumela eyakho incwadi eya kuMhleli ngeSMS okanye kuWhatsapp 063 743 9538

Yhoo! besixakene nento ngomhla wesibhozo kwiVoting Station VD yasePhumelelani Wadi 48 kwa-8 eMdantsane.

Uceba wewadi, uVuyiswa Mpanza, engaphakathi egumbini lokuvotela. Aphambana amalungu amaqela eATA, PAC neEFF befuna umphathi. Babuza njani uceba abe ngaphakathi esitishini sokuvota.

Lithe igosa lakwa IEC yi “Party Agent”. Abuza amalungu emibutho njani uceba abeyi “party agent”? Ngoba akafanelanga abe sesitishini uceba naninina. Waxaba uceba akafuna ukuphuma! Wathi ufuna into ebhalwe phantsi ethi akufanelanga abe usesitishini.

Kwathiwa makufowunelwe amapolisa kodwa akhona amapolisa amane esitishini. Kuthe xa kufowunelwa umphathi-mapolisa sathi singabahlali okwalo mzuzu sisalinde umphathi mapolisa siza kuvala kungavotwa. Nyani savala, wafika uMna Ndiyakrokra ophethe amapolisa NU 12. Wamkhupha naye wamxelela ukuba akafanelanga ukuba upha esitishini wahamba. Yho!

Uphantse uceba walenza alabi nampumelelo uvoto ePhumelelani!

– V.D, eMdantsane