*Thumela eyakho incwadi eya kuMhleli ngeSMS okanye kuWhatsapp 063 743 9538

Mhleli, ndicela ukuvula amehlo abantu ngoMalema neEFF yakhe. Ithi ingwevu yamaMpondomise noxa ndilibala into ethethwe ngezolo kodwa soze ndiwulibale umyolelo wenkosi.

MNA ke ngaye uMalema andizulibala ngaye mhla esithi soze asungule mbutho uzophikisana neANC uyiANC ehleli, uphila iANC, akufuneki nekhadi lobulungu ukuba yiANC igazi lakhe liyila mibala yeANC, yafika indlala yazijika izinto kwavula iEFF, samthanda neembono zakhe, ngo2016 kulonyulo loorhumente basemakhaya wenza kahle uMalema, akakho owaphumelela gqathu koomasipala abambaxa kwafuneka kufunwe kuye uncedo yiANC neDA kuba eyintombi ephinyiswayo kuba kufunwa uthando loomasipala abona baneBudget enkulu kweli leAfrika.

UMalema neEFF bavumelana neDA umbutho wabamhlophe abangama-373 yeminyaka besepalamente kwiPalamente yengcinezelo uzokutsho kule yabantu ezithethelela esithi nguSathana obhetele iDA kune ANC, kodwa nge16 kaCanzibe kulo ka2019 uthi iTshwane funeka ibenoSodolophu osuka kwiEFF emveni kokuba ethe ku2016 soze kubekho Sodolophu weEFF ongena ngomnyango wangasemva baza kuvotelwa bona, hayi ukuba babe yinxalenye yembumba kaRhulumente womiswano, ndithe ndingayilibala into yezolo kodwa soze ndiwulibale umyolelo wenkosi, funda isuka kwincwadi ingqumbo yeminyanya le ntetho, khumbula uzenza umntu olwa urhwaphilizo uMalema ngulo wathinjelwa iinto zakhe ezize ngondlelamnyama ngoku okutsha yena uhlelele ukuhlaselana noIvirn Jim weSocialist Revolutionary Workers Party, uthi usebenzise imali yeNumsa kwiiElections ekhweletela amalungu eEFF akwiNumsa, ngelo xesha amalungu eEFF akazi nesenti ukuba umbutho unamalini, zichithwa njani iimali zombutho nkqu noNational Treasure weEFF ngunodoli nje ngoko makangabi ngungcwele uMalema.

– M. Ngomana, eKapa