*Thumela eyakho incwadi eya kuMhleli ngeSMS okanye kuWhatsapp 063 743 9538

Mhleli ikhona ingxaki kwisibhedlele saseMandela Academic Hospital eMthatha.

Okokuqala akukho mbeko kubasebenzi besi sibhedlele, akukho mntu ozinikeleyo ukusuka konogada (security guards) ukuya kumanesi esi sibhedlele, okwesibini isibhedlele sifuna ukuhlaziywa (renovations) kungenjalo abantu abamnyama bayakusoloko bebekwa ityala lokungakwazi ukugcina izakhiwo zisemgangathweni ( maintenance). Mhleli imeko yesi sibhedlele imbi kakhulu.

– Okhathazekileyo, eMthatha