*Thumela eyakho incwadi eya kuMhleli ngeSMS okanye kuWhatsapp 063 743 9538

Ndiziva ndingenakuthula xa umhla nezolo ndisiva koonomathotholo, ndibukela nakoomabonakude kuhewulwa, kuthukwa amantombazana noomama abaxela izenzo zodlwengulo, nto ethanda ukuba netyheneba kum yile yokuba bathukwa nangakumbi xa umtyholwa lowo ingumntu ohloniphekileyo ekuhlaleni abanjengabefundisi bamabandla,abapolitiki, ootitshala, njalo njalo.

Maxa wambi abaxhasi abo babatyholwa bade babakhanyelele ngokwabo abatyholwa abo, kodwa ndiqaphele ukuba umtyholwa akakaniki nezwi ngokutyholwa kwakhe.

Ndibhidekile yile nto ngoba amaphulo kaRhulumente neminye imibutho engekho phantsi kukaRhulumente akhangeleka exhaswa xa efundisa amaxhoba ngezinto ezifana nodlwengulo nempathombi koomama nabantwana de kubekelwe bucala inyanga ekuthiwa yeyoomama. Mandivale ngalo mbuzo: ingaba sithi mabathule na abaxhatshazwayo?- Casper Mila, eRhini