*Thumela eyakho incwadi eya kuMhleli ngeSMS okanye kuWhatsapp 063 743 9538

Kwi-Imbizo Mayoral meeting apho uMayor ebenze ingxelo ngezinto ezenziweyo nezingenziwanga, sifumana ubani thina singuWard 43. Okokuqala le meeting ingathi yiMeeting engakhange ikhwaze izizathu, bebengekho abantu baseBhisho, ibingekho iPeelton nakwaTyutyu, bebembalwa, engekho kwayena Councillor Mankayi, apho athe xa enika iReport waxoka wathi amangcwaba akwaTyutyu wawabiya exoka, iphi la R175 000 wayethe uMankayi yabelwe iward yakwa43, pha kwaTyutyu sinendawo ekuthiwa kusezizeni, yinto engaphezu kwe20 yeminyaka behlala abantu phaya, abanambane, balilifa lokuxhatshazwa ngoonqevu ngenxa yobumnyama abajongene nabo, abanamanzi, iitap zintlanu nazo zafakwa ngowayesakuba nguceba ngelo xesha, uceba uMlenze, kubuhlungu ngoba nakwezi IDP meeting uza kufika kubalulwa ukuba eZizeni benzelwa iitoilet, ingaba kulo 43 izidingo zasezizeni ziitoilets qha na?

Indlela engu 1km yabantu baseZizeni nayo yenziwa kwangulo Mlenze wamngcolelayo yena uMankayi, wahamba ezenza uceba eseseofisini uMlenze, iyandothusa into yokuba uMayor athi uza kufakela uXhwithinja umbane kanti iziza zakwaTyutyu, uXhwithinja, Zwelitsha pha ezantsi eMabhaceni mhla kwakufike ela bhulu nela India lizokuformaliser uXhwithinja lalizidibanise zonke ezi ndawo zapasa ngexesha elinye nge2nd October, xa uMayor enika iReport ethetha ngoXhwithinja qha kuyacaca ukuba uTyutyu, iZiza, eMabhaceni azifanelwanga zona ngumbane.

– umyalezo ngoWhatsapp