*Thumela eyakho incwadi eya kuMhleli ngeSMS okanye kuWhatsapp 063 743 9538

Molweni Solezwe! AmaBhokobhoko ebelapha eMonti ebonisa ngendebe yomhlaba ayiphumeleleyo.

Kuthe qatha urhulumento lukaMongameli uJacob Zuma obenelishwa kuba kulo lonke ixesha ebexhuzula imikhala khange isizwe siwine ndebe.

Ngowe1995 phantsi kooTat’uMandela , AmaBhokobhoko abuya nale ndebe yehlabathi okokuqala.

Ngowe1996 yangaBafana Bafana bebuya neAfcon, aphindile AmaBhokobhoko ngowe2007 eza nayo le ndebe phantsi kombuso kamongamel’ uThabo Mbeki.

Kwangena okaZuma, isizwe asawina nto yalilishwa lodwa. Wabhangisa isizwe wasithengisa kwiiGupta, sashiyeka silamba thina bemi balapha.

Nantso futhi le ndebe iphinda ibuya phantsi komangameli uRamaphosa. OkaZuma nguye yedwa urhulumente ekungakhange kuphunyelelwe nto, ndiyaqonda kungenxa yorhulumento lwakhe olumdaka olube nelishwa.

-Umfundi weSolezwe, eMonti