*Thumela eyakho incwadi eya kuMhleli kuFacebook wethu (ilisolezwe) okanye uthumele i-email: isibhalo@inl.co.za

Kukho intetho esixhoseni ethi “unyawo alinukisi apho lihamba khona”, kodwa ndifakela ndithi iinyawo zinendembu, ukutsho ke apho uhambe khona umkhondo wazo uyashiyeka nokuba uhambe ngobusuku, lakuphuma ilanga ziyavela zithi ndla, amayelenqe, izinto ezimbi, nabantwana abenziwe ngaphandle emtshatweni, nokuzibiza ngento ongeyiyo unkwalambisa, nayo yonke into eyenziwa ekhusini iseza kuvela ngenye imini.

Ubulumko ke kukuhlaba ukhangele apha ebomini , nditsho nangoku senditshilo.

-Casper Mila eRhini