*Thumela eyakho incwadi eya kuMhleli kuFacebook wethu (ilisolezwe) okanye uthumele i-email: isibhalo@inl.co.za

Ukuvalwa kwezikolo kundiphathisa ngentloko ebuhlungu.

Ngaphandle kwale yokujikeleza kwabantwana esithubeni bengenzi nto, ndikhathazwa yindlela abanxila ngayo.

Oku bakwenza esidlangalaleni, ufika betshaya, besela bambi bade bamonxozane phambi kwabantu abadala.

Yanga urhulumente angabafunela into yokwenza ebhadlileyo ngethuba leholide ukuze bangangeni ekuhendweni.

Bazali qeqeshani abantwana benu bengekonakali.

– Nonzwakazi Mhlenaye, Mdantsane