Toboti: Iseza inkululeko eMzantsi Afrika

Igqala lombutho wePAC uWaters Toboti

Igqala lonondaba okwaligqala lombutho wePAC uWaters Toboti, elele ngandletyana-nye esibhedlele eMonti, uthi unethemba lokuba ilizwe loMzantsi Afrika neAfrika lakuze likhululeke ngenye imini.

“Nokuba ezi ngcuka zingabadubula abantwana boMzantsi Afrika, zibacinezela ngeendlela zonke, kodwa ndinethemba lokuba nokuba sele ndabhubha mna, iseza kufika inkululeko yenene nenyaniso kweli,” kutsho uToboti.

UToboti uthi baqhelene neengxaki ezambethe uMzantsi Afrika kule mihla, yena unethemba lokuba zonke ezi ngxaki ziza kugqitha.

“Abantu ababephethe kweli ngaphambili babengavumi xa sisithi sakuze siphume eziseleni ezifana neRobben Island, besithi asinakuze silibone ilanga, yenzeka lo nto, nezi ingxaki zenzekayo kurhulumento nakwintlalo, ingakumbi ukubulalana kwabantu abamnyama kuza kuphela ngenye imini, kuba siseza kufumana inkululeko yenene,” ugadlele watsho uToboti.

Lo kaToboti wazimanya nombutho wePAC ngonyaka ka1960 engumfundi eLovedale, wagxothwa ngalo nyaka emva koqhankqalazo olwabangela ukuvalwa kwela ziko mfundo.

“Ngenxa yemigushuzo yethu eLovedale phantsi kwesikhokelo sikaMangaliso Robert Sobukhwe ndagxothwa, labe livalwa neziko laseLovedale, kanti eso sisiqalo sendlela ende kum nomzabalazo wenkululeko,” ucacise watsho uToboti.

Uthi iingxaki ezambethe uMzantsi Afrika zakhe zabonwa eUSSR, kwimpuma yeJamani, Cuba naseChina – kungoko enethemba lenkululeko yenene.

UToboti usebenze njengonondaba ozimeleyo ebhalela amaphepha ahlukeneyo ngokukodwa kweli leMpuma Koloni phambi kokuba aye elubhacweni ngeminyaka yoo-1960.

“Eyona nto yatsala umdla kaJohn Nyathi Phokela kukuba ndandisebenza njengonondaba, wayicacisa ukuba bafuna ezi zakhono zam zokubhala nokukwazi ukukhangela ulwazi, ndaza ndenziwa igosa lopapasho nonxibelelwano kwiPAC kwihlabathi,” utsho uToboti.

Lo nondaba wakudala ubhalele amaphephandaba afana ne-Isigidimi, Imvo Zabantsundu, Intsimbi kwaneDaily Dispatch ngeminyaka yoo-1960. Umzabalazo yinto eqhubekayo kubomi bukaToboti.

“Kwincwadi yokugqibela ebendiyithumele kumongameli uJacob Zuma, ndamxelela ndathi xa imeko ingaguquki kweli angahle azibone yena nosapho lwakhe bephelela elubhacweni,” utshilo uToboti.

Lo kaToboti yinzalelwane yaseMgobhozi kuCentane ekwayiBhishophu kwinkonzo yamaRhabe aManyanayo oMzantsi Afrika.

“Nezi ngxaki zokungamanyani kwiPAC asiyo nto intsha, elubhacweni sakhe sanazo ezi ngxaki, sashiywa zizangxa zikaPoqo ezifana noMlungisi Ntantala ngenxa yokungaboni ngasonye, azintsha ezi ngxaki.” uthethe watsho uToboti.

Uthi nguye owanikwa uxanduva lokucenga uNtantala embuyisela kumbutho wePAC.

“Ndafika kumaphandle aseTanzania efuya iinkukhu kunzima kakhulu, ndithunywa nguJohn Nyathi Phokela ukuba ndenze lo msebenzi wokucenga eli gqala, lavuma labuyela embuthweni,” utsho.

ULuthando Mbinda umongameli wePAC okhoyo ngoku uthethe wenjenje ngeli gqala likaPoqo.

“Simnqwenelela ukuba aphile ngokukhawuleza, siyayiqonda indima ayidlalileyo ukukhokela umbutho nokukhulula abantu boMzantsi Afrika, ungumntu onenyani, oyithetha injalo, kwezi ngxaki zingaka simdinga ngenene” uthethe watsho.