Toboti: Ungalahlekiswa ngamafufunyane Majodina

Umphathiswa weSebe leMidlalo neNkcubeko eMpuma Koloni, uPemmy Majodina, ukhokele igqiza lesebe lakhe ukuya kugrumba amathambo wejoni leApla uNkululeko Jako eBermingham eUnited Kingdom.

Ingxelo ithi uJako, wadudulwa yimikhosi yobandlululo washiya umhlaba wooyisemkhulu waya kubhubhela eBermingham ngonyaka ka1981.

Lo kaJako ubelijoni lebutho lomkhosi wePAC iAzanian People Liberation Army, ezinikele, ngeenjongo zokukhululwa kwabantu boMzantsi Afrika.

Eli sebe lenza lo msebenzi libambisene neEastern Cape Provincial Repatriation and Reburial Committee ngeenjongo zokubuyisa amathambo oonyana beli lizwe abangcwatywe kumazwe ehlabathi.

Othethe egameni lela sebe, uAndile Nduna, uthi oku kukuqhutyelwa phambili kweziphakamiso ezenziwa yikomishini yenyaniso noxolelwaniso.

“Ezi zezinye kwiinzame zokuxolelanisa, ukumanyanisa nokuphuhlisa ubulungisa phakathi kwabantu boMzantsi Afrika,” uthethe watsho uNduna.

Eli gqiza kulindeleke ukuba ligaleleke ekhaya eMzantsi Afrika ngomhla weshumi elinesithandathu kule nyanga libuya namathambo kaJako. “Ukungcwatywa kwala mathambo kulindeleke ukuba kuqhubeke ngomhla wamashumi amabini anesibini kule nyanga,” uthethe watsho.

Kwinyanga ephelileyo, eli sebe libuyise amathambo wamajoni alishumi elinesithathu weApla ebuyiselwa emakhayeni awo eBhaziya eMthatha.

Ingxelo ithi lo kaJako ushiye eli esiya kuzimanya nombutho wePAC eTanzania, waza kamva waya kuhlala eLondon apho wabhubhela khona ngo1981.

UNkululeko Jako uyaziwa ngamajoni namagqala ombutho wePAC ngomsebenzi nenxaxheba yakhe kumzabalazo. Oligqala lePAC nenkumanda yeApla uWaters Toboti, uthi uyalazi eli joni. “Uqeqeshwe eChina kunye noMzukisi Ntantala noEdwin Makoti – lawo ngamajoni okuqala weApla ukufumana uqeqesho phantsi kukaMao tse Tung,” uthethe watsho uToboti.

Uthi la magqala angenelelwe nguSabelo Phama kamva kuqeqesho lomkhosi eChina ngeenjongo zokukhulisa umsebenzi weApla. Uncome etyibela umphathiswa weli sebe lemidlalo nenkcubeko ngomsebenzi wakhe.

“UPemmy Majodina wenze umsebenzi omhle kakhulu, akaqali kwenza le nto lo mphathiswa kudala, makaqhubeke angalahlekiswa ngamafufunyana akhoyo phakathi kwethu,” uthethe watsho uToboti.

UToboti uthi uJako wafika elubhacweni evela ngaseKapa, ngoko akaqinisekanga ukuba uzakungcwatyelwa phi.