Trollip: Yimbanxo ukuliwa kwemizamo yokuphuhlisa ulutsha

Yimbanxo yodwa ukuliwa kwemizamo yokuphuhlisa ulutsha kusetyenziswa izigidi ezinga mashumi amabini nje kuphela kusakhiwa imisebenzi endaweni yokuchitha izigidi zeerandi kudlalwa ugqaphu.

USodolophu womasipala waseNelson Mandela Bay Metro, uAthol Trollip, ebevuth’amadangatye ngumsindo ngethuba ebephendula amalungu emibutho ephikisayo kwintlanganiso yebhunga yalo masipala nebibanjelwe kwisakhiwo sika masipala iWoolboard Exchange namhlanje.

Lo kaTrollip wazise ibhunga ukuba benze isivumelwano sokusebenzisana nombutho wophuhliso lolutsha kwezemisebenzi iHarambee.

Usekela sodolophu walo masipala ekwali lungu lombutho we- United Democratic Movement uMongameli Bobani, utyhole usodolophu uTrollip njengobholel’ecaleni owenza intando yakhe, emgxeka ngokungathethisani naye, nangokuvukela urhulumente womdibaniso ngokungaxoxisani namalungu awo ngemiba yorhulumento.

“Unikezele nge mali eyi 10 miliyoni kumbutho esingawaziyo ukuba wenza ntoni, kwiminyaka yawo yokuphila nemihlanu edluleyo bangaphi abantu abatsha obazamele imisebenzi, awuzange unikezele nencwadi ebeka isicwangciso sokuphuhlisa abona bantu bahluphekileyo ungazange ungene nangendlela ekuqhutywa ngayo zezinye iikampani nge thenda, siyi UDM asikuxhasi oku”.Utshilo uBobani.

UAndile Lungisa wombutho we African National Congress (ANC) uAndile Lungisa, ugxeke usodolophu ngokusebenzisa umbutho wangaphandle endaweni yokusebenzisa amabhunga olutsha ayamene nomasipala.

UMkhuseli Mtsila weUnited Front (UF-EC) uthe iHarambee ifana nee-arhente eziqeshisa abantu zakugqibe zitsale iimali emivuzweni kuba ihlawulisa amawaka alishumi intloko yomntu.

UZilindile Vena we-Economic Freedom Front (EFF) ugxeke imibutho yeDemocratic Alliance (DA) ngoku xambulisana entlanganisweni yebhunga esithi imilo yabo mabayixoxe bayigqibe ezintlanganisweni zabo.

“Yivurvayi yonke le iqhubeka apha,” utshilo.