Bay ekunxweme lweWild Coast imalunga neekhilomitha ezingama250 ukusuka eThekwini kwaye ineqaqobana labantu abahlala kuyo. Le ndawo ithiywe eli gama ngenxa yokuba ivelisa imithi emininzi yekofu. KUFOTE : Ian Landsberg.
Ingcwaba lalowo wayesakuba nguMongameli weli uTata uNelson Mandela eQunu.
Umngcelele wabakhwetha babeSuthu ubuya entabeni kwilokishi yaseMasekeleng eSteke.
Kugquba uxolo nenzolo kwilali yakwaTshisane kuTsolo emva kokuba kubulewe amalungu osapho lakwaGeorge kwinto ekurhaneleka ngumlo wobukhaya.
Apho uMongameli Nelson Mandela wazalelwa khona eMvezo .
Esikhaleni okanye The Hole in the Wall ngabula makhumsha, yindawo ethandwa kakhulu ngabatyeleli.
Uphandlwa bubuhle bendalo usalithi cakatha unyawo kwiphondo leMpuma Koloni kwidolophana ekunxweme lweWild Coast uphuma emantla eMonti ulijongise ePort Edward emazantsi.
Umfoti oyintloko u-IAN LANDSBERG usibalisela ngohambo lwakhe olucande eSterkspruit, Port St Johns, Coffee Bay, Mthatha naseQunu.
Ukuphuma nje kwethu eBloemfontein siphuma eZastron, sibuliswe yimibhalo ethi “yehlisa isantya” xa singena kwidolophana yaseSterkspruit apho uthotho lweemoto beluxinge phezu kwebhuloro iMajaphuti Bridge phezu komlambo iOrange River ekuqhawukeni kwemida yeFreyestata nephondo leengqwele. Sanyanzeleka ukuba siphume emotweni solule imilenze logama silinde ucumbelele wokudluliswa kwezinye iinqwelomafutha. Sibone imiwewe neendulana eziluhlaza yaka kucaca mhlophe ukuba iimvula zehlobo bezikhe zafika. Kuthe kusenjalo saqalisa ukuhamba kodwa saphazanyiswa yingxolo yovuyo eyayibangwa lugxudululu lwamadoda ayebhiyozela ukubuya kwabakhwetha esuthwini. Sibukele ngomdla okomzuzwana saphinda sathathisa nohambo lwethu.
Siphinde saphumla kwakho xa singena eLady Grey, eUgie nakwidolophu yaseMthatha ethande ukwanda ngendlela emangalisayo, sigqithele ePort St Johns. Le dolophana izinze kumlomo womlambo Umzimvumbu River, kwaye indlela eya khona intle kakhulu izaliswe yindalo engachukunyiswanga mntu.
Amagqabantshintshi olu hambo uyeke nje indlela ezingekho mgangathweni xa uphuma eMqanduli usuka eMthatha ngohola kaN2, ibe kukugaleleka eCoffee Bay naseHole in the Wall (Esikhaleni) apho sibone umangaliso nobuhle bendalo beWild Coast.
Kuphela amazwi ndincoma ubuhle beCoffee Bay Beach.
Siqhubekile sabuyela eMthatha eyinxalenye nentliziyo yeNelson Mandela Route eqala eQonce ibheke eQunu apho le ndedeba yakhulela khona yaze kamva yangcwatyelwa khona. Sikhe sama sathatha imifanekiso kwingcwaba lakhe , ukusuka apho sityelele eMvezo apho uTata Mandela wazalelwa khona. Urontawuli awazalelwa kuwo usekhona kwaye uyinxalenye yeNelson Mandela Birthplace Museum. Bekuluvuyo kum ukukhenketha ndibone iindawo zephondo iMpuma Koloni – intle kakhulu.
Iphuncule amanqaku amathathu iChippa United emdlalweni obuseMonti!