UBONGANI Dlamini, owaziwa kwezomculo njengoDJ Bongz, uthi kwiminyaka engaphaya kwamashumi amabini esemculweni akekho umntu obemgcinile ngaphadle koThixo.
UBongz ebetyelele kwiphephandaba I’solezwe lesiXhosa ezokwazisa ngecwecwe lakhe elitsha elithi Son of God.
“Igama lecwecwe lam lithi Son of God, lineengoma ezilishumi elinesithathu. Liphume kwinyanga yoMqungu kulo nyaka. Kweli cwecwe ndibuyise uDJ Bongz omdala nesastayile sakhe sangoo2006 seengoma ezifana nooThina Sobabili nooSobuye Sbonane kuba ndibone umsantsa wokuba abantu bayawukhumbula umculo onjeya,” utshilo uBongz.
UBongz uthi noxa nje amaxesha etshintsha ngokwezomculo, yena ukhethe ukuhlala kundalashe wakhe.
“Kukhe kwaduma iGqom emva koko kwangena amaPiano. Mna ndizibuze ukuba kwenzeka ntoni ngabantu abebethanda la mculo kaDJ Bongz? Yiyo le nto ndibone ukuba mandibuyise la mculo wam kuba wona uthandwa nguwo wonke umntu – omdala nomncinci.
“Anditsho ukuba andiyithandi iGqom namaPiano, kodwa ndiye ndacinga ngabantu ekudala bexhasa umculo wam hayi mna mandingangeni apho,” utsho uBongz.
UBongz uthi ubuninzi beengoma zakhe kweli cwecwe litsha zishumayeza uthando eluntwini.
“Icwecwe lam limalunga nothando, apho ndikhuthaza ukuba abantu bathandane.
Ndineminyaka engamashumi amabini anesithathu emculweni. Ngaphandle kwamathandabuzo zininzi izinto ubani adibana nazo endleleni, kodwa ndibulela uThixo ngokugcina de kwabalapha ndisenza into enye.
“Eli cwecwe yindlela endibhiyozela ngalo uThixo. Yiyo le nto icwecwe lam ndilibiza Son of God.”
UBongz uthi abantu basabele ngendlela entle kwicwecwe lakhe elifumaneka kuSpotify nakumanye amaqonga athengisa umculo kwezomnatha. Uthi usebenzisene kakhulu nabantu abatsha kweli cwecwe.
“Mnye kuphela umntu owaziwayo kweli cwecwe abanye ngabantu abatsha. Yeyona nto endikholelwa kuyo leyo ukufunqula italente. Rhoqo ngonyaka ndiye ndibambe umsitho KwaNdengezi, ePinetown, apho ndiye ndinike iqonga iimvumi ezisakhasayo, ezinye kuzo ndizisebenzise kumacwecwe wam.”
Ibanjiwe indoda etshayise imoto ebikhwele uZuma