U “My Friend” uhlasele wahlaba umthengi ojikise ukutya okubolileyo!

Lingeniswe kwisibhedlele iFrere ilungu lombutho weAfrican Transformation Movement (ATM) uThabo Moji waseMonti kusasa ngoLwesihlanu emva kokuba ethe wahlaselwa ngummi wangaphandle ongumnikazi wevenkile eseSouthernwood.

UMoji uhlatywe kumzimba ongentla ngemela kuba esuke wayokukhalaza ngento ebeyithenge kule venkile esele inenyanga iphelelwe lixesha ukuba mayisebenze.

UMoji usengaphakathi kwesi sibhedele nalapho asafumana unyango kumanxeba okuhlatywa kumzimba ongentla apho ophuke ingalo kwakunye neembabo.

Lo mbutho weATM uthi wothukile sesi senzo senziwe ngumnikazi venkile kwaye okunqwenelayo kukuba ajongane nengalo yomthetho atshustshiswe.

“Yenye yemigaqo yethu siyiATM into yokulwa izenzo zolwaphulo mthetho kwaye oko sifuna kungabina ndawo kwiindawo zethu zokuhlala.

Ukongeza koku siyawukhalimela umkhwa wokuthengiswa kokutya okuphelelwe lixesha,” Utshilo uMxolisi Makhubu othethela lo mbutho kuzwe lonke.

Kwiveki ezidlulileyo iNational Consumer Commission (NCC) ibibambe indibano noluntu, oosomashishini kwakunye neyunivesithi iFort Hare apho ibicacisela uluntu ngamalungelo abo okokuba banawo amalungelo okujikisa impahla okanye ukutya xa kuphelelwe lixesha okanye bengoneliseki.

INCC ithe leyo into ayonto yabantu abamhlophe kuphela yeyomntu wonke.

Umrhanelwa ubanjiwe kwiveki ephelileyo wavela kwinkundla zamatyala kodwa sele ekhululiwe ungaphandle ngokokutsho kwesithethi sombutho kwiphondo leMpuma Koloni uZama Ntshona.

Amapolisa aseMonti awafumanekanga emnxebeni izolo ukuqinisekisa ngezi ngxelo zokuba umrhanelwa useseluvalelweni kusini na okanye uzakubuyela nini ezinkundleni