Ubabalwe ngendlu entsha kraca okhubazekileyo

“Yhuu! imeko yam ibimbi kakhulu! Ndihlala kwibososi elinethayo, ngoku ndiphumile kobo bugxwayiba.”

La ngamazwi womama ophila nenkubazeko uBuyelwa Goniwe waseMphekweni, eNgqushwa, ofumene indlu entsha kraca kanye ngale nyanga yokubhiyozela amanina eli loMzantsi Afrika.

INkulubaphathiswa yeli Phondo uOscar Mabuyane kwakunye noMphathiswa wokuHlaliswa koLuntu uNonceba Kontsiwe banikezele ngokusesikweni ngendlu kuGoniwe.

UGoniwe uthi umakhulu owayemgcina wabhubha ngo2006, emva koko wemka kule ndlu yalo makhulu wayokwakhelwa ngumntwana wakhe ityotyombe kwenye indawo. Uthi neli ebekade ekulo ityotyombe belinetha.

“Ndonwabile, imeko yam itshintshe kakhulu, ndikhululwe kwaye ngoku ndinendlu eyeyam. Ndibulela kumfundisi wesikhululo sasekuhlaleni obethe gqolo ukundizamela. Ndibulela nakwiNkulubaphathsiwa uMabuyane kwakunye norhulumente ondakheleyo,” utshilo uGoniwe.

UMabuyane uthi ngale nyanga yamanina baza kuqinisekisa ukuba akukho nalinye inina elishiyeka ngasemva, ingakumbi lawo akwiimeko ezinje ngezi nekufanele ukuba axhamle.

“Namhlanje intliziyo yam igcwele uvuyo kuba isithembiso ndisifezekisile. Imeko kamama ndayibona ngethuba sasisenza iphulo lethu lokungena umzi nomzi. Intliziyo yam yabuhlungu ukubona imeko yakhe, uyiyeke eyokukhubazeka, imeko nje yendlu nokuphila. Ndafunga kuye ndathi urhulumente uza kwakhela indlu mama,” utshilo uMabuyane.