UBabes usixelela ngokuqhubeka phakathi kwakhe noBrilliant

NGUMZUZWANA nje isankxwe esingqonge uBabes Wodumo noMampintsha senzekile, kwaye abantu bazikhuphile iingcamango zabo malunga nokuqhubeka kubudlelwane besi sibini.

Kutsha nje, sothuswe zingxelo ezithi kukho indoda entsha ebomini bukaBabes, kwaye ezi ngxelo zidize ukuba loo ndoda ngulowo wayesakuba ngunozinti weKaizer Chiefs, uBrilliant Khuzwayo.

Kodwa kudliwanondlebe alwenze nephephandaba lethu, Isolezwe (lesiZulu), uBabes Wodumo udize ukuba yena noBrilliant Khuzwayo ngabahlobo bakudala kwaye ulwimi oluthi bayathandana abaliseleso.

IQueen of Gqom ithe yona inabahlobo abangamadoda ehleli ihamba nabo, ukanti uBrilliant ngomnye wabo.

Isolezwe likwabike ukuba ngoMgqibelo, uBabes noBrilliant Khuzwayo bafike behamba kunye kwiUmlazi Picnic eKing Zwelithini.

Kuthiwa bafike negqiza ebelipheleke uBabes ebeliquka nabadanisi bakhe.

Eli phepha lithi ngethuba bethetha bekucaca ukuba bayevana ngokuba bebehleka into engapheliyo. Apho kuthiwa bafike bama kufutshane neqonga, uBabes wakhwel’ eqongeni waphambanisa izihlwele zabalandeli bakhe bebelapho, wathi akugqiba wayokuhlala

nabantu ententeni.

UBabes kuthiwa bebonakala onwabile, kwaye uMampintsha ebekhona.

“Wonke umntu oyindoda endihamba naye kuzokuthiwa ndithandana naye. Kukho uSthe endihlala ndihamba naye kwezi ntsuku, uyandigada, naye kuzokuthiwa ndithandana naye ngoku. Baninzi abafana endibaqhelileyo kwaye endihlala nabo,” uBabes ucatshulwe ethetha ngokuzithemba liphephandaba Isolezwe.

Uthi akanangxaki nokuthethwa ngabantu ngokuba yindlela abacinga ngayo.

“Okokuqala uBrilliant kuthiwa unomntu asele emlobole, mna ndingathandana njani ke naye, nam andingeze ndizive kamnandi xa kunokuthiwa isithandwa sam sinomnye umntu ekubeni sesindithembise ngomtshato. Andingeze ndivise omnye umntu obhinqileyo ubuhlungu obunjalo,” kutsho uBabes.

Ukanti neSolezwe NgeSonto lithethe noBrilliant Khuzwayo oveze ukuba uyamazi uBabes kodwa ayiyonyani ukuba uthandana naye.

Uthe akanalwazi lokuba olu lwimi luvela phi ngokuba akakho mde kumakhasi wonxibelelwano ukuze azivele abantu bathini.

Ukanti kwiveki ephelileyo, uBabes Wodumo udize ukuba yena noMampintsha basiqhawule isithembiso somtshato bebevumelene ngaso emva kokuthi ndi kweendaba zokuxhatshazwa kwakhe yile mvumi yeKwaito.

UBabes ukuthethe oku kudliwanondlebe alwenze noMo Flava noMasechaba kwiThe Drive yeMetro FM.