Ubalisa ngenzima yokuphila nesigulo sokuxhuzula

UEde Tyopo, 39, wothuka kwaye ezibuza imibuzo engapheliyo ngethuba ehlaselwa sisigulo sokuxhuzula eminyaka eli-19 kuphela ubudala.

Wayezibuza ukuba kutheni esi sigulo sikuye, ingaba yintoni le ayenzileyo ebangele ukuba abe nesi sigulo.

Rhoqo ngoMvulo wesibini kwinyanga yoMdumba iba lusuku lokuqaphela isigulo sokuxhuzula kwihlabathi (International Epilepsy Day).

Amazwe angaphaya kwama120 abamba isiganeko esikhethekileyo ngolu suku kufundiswa banzi ngesi sigulo.

Abantu baye badibane bebhiyoza kwaye babelane ngeenzima ezijamelana nabo baphila nesigulo sokuxhuzula.

Ukuxhuzula yimeko yomzimba apho ukusebenza kweeseli zemithamboluvo ebuchotsheni kuye kuphazamiseke, oko kubangele ukuxhuzula.

“Ukuxhuzula kunokubangelwa zizinto ezininzi, ukwenzakala entloko, ukusetyenziswa kakubi kotywala neziyobisi phakathi kwezinye izinto,” kucacisa uTyopo encokolela I’solezwe lesiXhosa.

UTyopo uthi esi sigulo samnyanzela ukuba atshintshe indlela yokuphila.

“Ndacetyiswa nokuba ndiyeke nomdlalo wombhoxo endandiwuthanda kakhulu,” utsho.

Eli tyendyana lithi laye laqhelaniswa nale meko ukuze liyamkele.

“Ndaye ndafundiswa ukuba ndiyamkele le meko, ndiyazi ukuba nditya amachiza am kakuhle kuba ngokwenza njalo ingalawuleka, ndiphile njengaye wonke umntu.”

UTyopo uthi okwaba ngumngeni yayikukulibala esikolweni.

“Ndasokola kakhulu esikolweni ngenxa yengxaki yokulibala, lo nto iseyingxaki nangoku. Eminye imingeni kukuba xa ufuna i-inshorensi yobomi okanye yemoto ixesha elininzi uxelelwa ukuba akunokuyifumana kuba ungumngcipheko, kungenjalo ubhataliswe imali ngezavenge eziphezulu,” kubalisa uTyopo.

Uthi isigulo sokuxhuzula sisigulo esingaqaphelekiyo, umntu onaso akabonakali.

“Umbona kuphela xa ethe waxhuzula,” wongeze watsho.

Efundisa ngendlela yokukhusela lowo uxhuzulayo xa ethe wahlaselwa kukuxhuzula.

“Kufuneka uzame kungabikho nto anokungqubeka kuyo njengokuba elele, umfake into phantsi kwentloko nokuba ngumqamelo. Ungamkhululi iimpahla, ungamfaki nto emlonyeni kuba angakuluma akonzakalise okanye alume le nto umfake yona imonzakalise. Uzame nokumlalisa ngecala. Ukuba imizuzu emihlanu iyaphela okanye nangaphezulu esaxhuzula, ningafowunela iambulensi nimse esibhedlele.

Uthe yintsomi inkolelo yokuba esi sigulo siyosulela kulowo ukufutshane nomntu onaso.

UTyopo uzalelwe eMbizana, usebenza kwisibhedlele iFrere eMonti.

Uthi abantu mabangakuvumeli ukulawulwa sisigulo sokuxhuzula.

“Sisigulo esibuhlungu kakhulu kodwa masingasivumeli ukuba singaphili ubomi bethu ngendlela esifuna ukubuphila ngayo, kodwa ke sizazi izinto ezisilungeleyo nezingasilungelanga,” kutsho uTyopo, esithi abanesi sigulo mabasebenzise amachiza ngokomyalelo kagqirha.

UTyopo ukhe wakwibhodi yeEpilepsy SA kwisebe eliseMonti ngeenjongo zokufunda banzi ngesi sigulo. Emva koko waye wafakwa kwibhodi kazwelonke. Ube lilungu lalo mbutho ukususela ngo2012.

UTyopo uthi inkxaso yeyona ibalulekileyo kubantu abanesigulo sokuxhuzula. Uthi kubalulekile uziphe ixesha, uzifundise ngesi sigulo hleze kuthi kanti uya kusindisa ubomi bomnye umntu ngenye imini.