‘Ubalulekile ngokuthetha isiXhosa’

Iindwalutho zihamba kwindlela iEsplanade eQuigney eMonti kusuku lweAfrika UMFANEKISO: UTHUNYELWE

ABACINEZELI baqiniseka ukuba abathathi butyebi baseAfrika nje kuphela, koko banyanzelisa ukuba iAfrika yombathwe ziilwimi zabo – bekwenza oko ngokuqinisekisa ukuba yonke into igutyungelwa zizo ukuze ibe ngathi zingcono kunezo zomgquba.

“Yiyo ngoku le nto iAfrika igutyungelwe sisiNgesi, isiFrentshi, iSpanish nesiPhuthukezi, nokungathi ziilwimi zeli zwekazi kanti siyayazi ukuba zeza kuthi nabacinezeli,” utshilo uMphathiswa omtsha kwisebe lezemidlalo, ulonwabo, ubugcisa nenkcubeko eMpuma Koloni uBulelwa Tunyiswa.

UTunyiswa ebethetha eQuigney eMonti kwiveki ephelileyo, apho isebe belisingethe umsitho wosuku lweAfrika obanjwa rhoqo ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kuCanzibe.

Olu suku luza emva kokuba kwathi kwadibana amazwe asele ekhululekile waseAfrika eAddis Ababa eTopiya ngo1963, apho kwathi kwaxoxwa ngemiba edla iAfrika. Ngolu suku abantu beAfrika iphela bayabhiyoza bekwaphawula ngemiba edla umzi logama bebethelela ubunye kwanokuzidla ngenkcubeko, amasiko nezithethe zaseAfrika, ngokohlukana kwazo.

UTunyiswa uthi ubani akufanelanga ukuba acinge ukuba akekho ngcono ngenxa yokuba engasazi isiNgesi.

“Ukuthetha ulwimi lwakho yenye yezinto ezibalulekileyo kuba kuthetha ukuba awusokuze wohlukane nobuwena. Masiyeke ukucinga ukuba sakuthi ukuze sibe ngcono sithethe isiNgesi. Yazi ukuba ubalulekile ngoku uthetha isiXhosa sakowenu,” utshilo uTunyiswa.

UDjuma Hakizimana waseBurundi, ebeyinxalenye nale mibhiyozo yaseMonti. “Ewe zikhona iingxaki zepolitiki eBurundi kodwa ikhona into yokuzidla ngelizwe lethu ingakumbi iilwimi. Ulwimi oluxatyisiweyo sisiFrentshi kodwa mna ndithetha iKirundi futhi ndiyazidla ngoko.”

Yena uKaligigo Bashonbanya waseDRC, uthe: “Ngaphandle kweengxaki zeemfazwe, kuninzi esinokuzidla ngako ngeDRC ingakumbi inkcubeko ngokohlukana kwayo. Inkcubeko yenye yezinto ebangela ubunye nobuthandazwe eDRC.”