UBam ukhuthaza iinguqu kulonyulo

OBESAKUBA ngusihlalo wequmrhu lezolonyulo elizimeleyo i-IEC elijongene nonyulo kweli uBrigalia Bam uthi uMzantsi Afrika kufanele wenze iinguqu kwinkqubo zonyulo.

UBam uthe, inkqubo elandelwayo ngoku inika amandla kwimibutho yopolitiko endaweni yabavoti. Uqhube wathi, “Kufuneka sizakhele eyethu inkqubo eza kuthi yenze ukuba kubekho amalungu epalamente awonyulwe ngabavoti ngaphandle kwabo batyunjwe ngamaqela abo ezopolitiko.”

OkaBam uthe oku kuzokwenza amaqela ezopolitiko aqinise imiqolo, angathumeli nje abantu epalamente, koko ibe ngabantu abakufaneleyo ukuba ngamalungu epalamente.

Ukwathe kwiminyaka engaphambili, ngethuba engusihlalo we-IEC amalungu emibutho ebefakwa nje kuluhlu lwamagama aya epalamente kungaqwalaselwanga sakhono. UBam uthe oku kucace gca koorhulumente basekuhlaleni apho ubona ukuba abahlali abamfuni lowo ubekwe njengoceba.

Ayingomntu wokuqala ukuveza lo mbono uBam, kunyaka ka-2003, ikomishini eyayisekwe ngowayesakuba ngumongameli uThabo Mbeki ichotshelwe nguFrederick Van Zyl Slabbert yacebisa ngelithi isithathu kwisixhenxe samalungu epalamente kufanele ukuba sikhethwe ngabantu.

UMbeki zange ayise so le ngxelo. UBam uthe, “Kwakusekutsha kwidemokrasi yeli lizwe ngelo xesha kodwa ngoku kufanele ukuba iphinde iqwalaselwe.” OkaBam osele esidla umhlala-phantsi uthe uza kukhupha incwadi echaza ngobomi bakhe kwiminyaka emibini ezayo.