Ubambele nje- ngomongameli weli uMolewa

Umphathiswa wemicimbi yezendalo kuzwelonke uEdna Molewa ubambele njengomongmeli weli loMzantsi Africa njengoko umongameli weli uJacob Zuma eseKampala kwilizwe laseUganda noyokuzimasa umcimbi wokubekwa kwenkokheli esele ibambele ixesha elide kwela lizwe uYoweri Museveni.

UMuseveni (71) owabamba iintambo ukusuka ngonyaka ka1986 obephinda phinda ukuphatha amatyeli amaninzi kulindeleke ukuba abekwe ityeli lesihlanu namhlanje.

Abanye boomongameli ekulindeleke ukuba bazimase lo msitho nguRobert Mugabe (92) waseZimbabwe, uPombe Magufuli waseTanzania kwakunye nomongameli waseZambia uEdgar Lungu.

Oku kubhengezwe sisithethi esitsha sikamongameli uBongani Ngqulunga.

Nosekela mongameli weli uCyril Ramaposa ungaphandle kweli loMzantsi Afrika.