Ubanjelwe ukudlwengula intwazana ena- 7 !

 

Kubanjwe indoda enamashumi amathathu ananye eminyaka eDutywa, emva kokuba idlwengule intwazana eneminyaka esixhenxe kuphela. 


Le ndoda ibanjwe ngamapolisa aseDutywa ngoLwesithathu [namhlanje].


Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka uKapteni Jackson Manatha ithi,  ixhoba kufumaniseke ukuba ladlwengulwa ngomhla weshumi kule nyanga sikuyo.

 

“Wadlwengulwa emini ngentsimbi yesithathu kumatyotyombe akwidolophu yaseDutywa abizwa ngokuba kuseGPO.  

Emva koko umrhanelwa uye weva ukuba uyakhangelwa ngamapolisa waze wanyamalala,” utshilo uManatha.

 

 Uthi umrhanelwa uye wabanjwa ngoLwesithathu, kwaye ulindeleke ukuvela phambi kwenkundla yamatyala eDutywa ngoLwesihlanu ngezityholo ajongene nazo zokudlwengula.