Ubanjelwe ukudlwengula umzala wakhe ona-14

Kubanjwe indoda enamashumi amathathu anesibini (32) eminyaka ubudala ngamapolisa aseGcuwa  emva kokuba ithe yadlwengula umzala wayo oneminyaka elishumi elinesine (14) ubudala.

 

Esi sehlo senzeke ebusuku ngoLwesine (izolo) kwikhaya labo kwilali yakuMqambeli eGcuwa.

Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha,  uthi ixhoba belisezingubeni nomakazi walo, ongumama kumrhanelwa, ngethuba kufika umrhanelwa emtsala ngenkani emsa kwigumbi lakhe.

 

“Umrhanelwa ufike ekuzeni kusa wangqala ngqo kwigumbi likanina woxutha ixhoba walidlwengulela kwigumbi lakhe ngenkani. Emva kokuba egqibile walikhupha egumbini lakhe ukuba liye apho belilele khona.

Umzala ufike wachaza kumakazi wakhe okwenzeke kuye. Umakazi  khange alibazise ukhwaze amapolisa kwangoko ebika ngesehlo eso,” utshilo uManatha.

 

Umrhanelwa ubanjwe namhlanje kwikhaya lakhe. Ulindeleke ukuba avele kwinkundla yamatyala eGcuwa ngezityholo zokudlwengula kuMvulo weveki ezayo.

 

Amapolisa ephondo ayakukhalimela ukuphatheka gadalala kwabantwana abangamantombazana kwakunye nabantu abadala,  ingakumbi loo maxhegwazana ahlala wodwa kumakhaya awo.