Uphando olunzulu olwenziwe yiProvincial Family Violence, Child Protection and Sexual Offences Unit lukhokelele ekubanjweni kwendoda eneminyaka eyi-30 neyayanyaniswa namatyala okudlwengula ayi-14.
Olu phando lwenziwe kusetyenziswa iDNA, ukanti amatyala eyayanyaniswa nawo le ndoda akuTsolo naseMsobomvu, eGcuwa, ukusukela ngonyaka ka-2016.
Izolo le ndoda ivele kwinkundla yamatyala kuTsolo, nalapho ibekwe amatyala ayi-30, nekuquka ukudlwengula, ukuxhomisa nokuqweqwedisa. Ukanti usagcinwe eluvalelweni de kufike olunye usuku lokuvela enkundleni nekungumhla we-27 kule nyanga ukuze afake isicelo sebheyile.
Kumatyala okudlwengula umrhanelwa nofunyaniswe ngohlobo oluqinisekisiweyo lwe-DNA, kusolwa ukuba amaxhoba akhe ngabantu ebebehamba ebusuku, nabafundi abaya kwiindawo zabo zokuhlala.
Amanye ala matyala avulwe ngo-2016, kwaye amaxhoba aphakathi kweminyaka eyi-15 ukuya kweyi-39.
Kulindeleke ukuba umrhanelwa agqithiselwe eGcuwa, nalapho ezakujongana namatyala akwafana nala, ngomhla we-20 kule nyanga.
UMkomishinala wamapolisa eMpuma Koloni, uLieutenant General Nomthetheli Mene uqhwabele izandla uphando obelukhokelwe nguWarrant Officer Lulama Luhadi.
“Umrhanelwa ubesele eneminyaka engade abanjwe, kodwa ngoba ingalo yomthetho inde, ekugqibeleni ude wafunyanwa. Sinethemba lokuba ukubanjwa kwakhe kuza kuzisa intuthuzelo kumaxhoba,” wongeze ngelo uLt Gen Mene.
Ubuyile uloliwe phakathi kweKapa neRhawutini