Ubanjiwe, kodwa babulewe yintoni abantwana Enyobeni?

Ulutsha lweANC kwingingqi iDr WB Rubusana luthi luyakwamkela ukubanjwa komnikazi wendawo yentselo iEnyobeni eseScenery Park eMonti ekunye nabasebenzi bakhe ababini. Kodwa olu lutsha ngoku luthi abakufunayo kukuba kukhawuleziswe uphando malunga noko kwathi kwabulala aba bantwana bayi21 kule ndawo ngomhla wama26 kwinyanga ephelileyo.

Oku kuza emva kokuba umnikazi weEnyobeni (52) kwakunye nabasebenzi bakhe ababini abaphakathi kweminyaka engama33 kwakunye nama34 bathe babanjwa emva kwemini ngoLwesibini kule veki.

Lo mnikazi wale ndawo yentselo ujongene nezityholo zokuthengisela abantwana abangaphantsi kweminyaka eyi18 kwanokudelela imithetho nemiqathango yequmrhu lotywala uLiqour Board.

Ngokwengxelo ephuma kuBrigadier Tembinkosi Kinana, lo mnikazi uza kuvela kwinyanga ezayo umhla we19 kwinkundla yamatyala eMonti.

UKinana uthi abasebenzi bakhe ababini abanjwe nabo banikwe ithuba lokuba bahlawule amawaka amabini (R2000) umntu emnye kungenjalo ukuba bayoyisakala ukuwahlawula baza kuvela enkundleni nomphathi wabo nge19.

Kule ndawo yentselo kwabhubha abantwana abangama21 uninzi bengaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo, bebhubhela ngaphakathi Enyobeni ekuzeni kusa ngomhla wama26 kwinyanga ephelileyo.

Aba bantwana bangcwatywe ngurhulumente ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo kwibala lezemidlalo eScenery Park.

UMkomishinala wamaPolisa ePhondo uNjengele Nomthetheli Mene, ukuncomile ukubanjwa kwabarhanelekayo.

Iziphumo ezibangele kubhubhe abantwana azikaphumi nanjengoko kusenziwa uvavanyo eKapa, kwaye iintsapho ziza kwaziswa ngokukhawuleza.

Olu lutsha lweDR WB. Rubusana luthi luza kube lusenkundleni ngolu suku.